8 Nanga amagama abo:Kumhlaba weenduli zakwaEfrayim yayinguBhen-yuri;
9 eMakaze, eShalabhim, eBhete-shemeshe, nase-Elon-bhete-hanan yayinguBhen-dekere;
10 eArubhati (iSoko nayo yonke imimandla yaseHefere) yayinguBhen-rhesedi;
11 eNafoti-dore yayinguBhen-abhinadabhi, umyeni kaTafati intombi kaSolomon;
12 eTanaki, naseMegido, neBhete-shan xa iyonke malunga neZaretan ngezantsi kweYizereli, ukusuka eBhete-shan ukuya eAbhele-mehola ngaphesheya kweYokemeyam, yayinguBhanaya unyana ka-Ahiludi;
13 eRamoti yaseGiliyadi (leyo yimimandla kaJayire unyana kaManase eGiliyadi ngokunjalo nezithili zaseAgobhi eBhashan nezo zixeko zayo zimashumi mathandathu zikhulu kunene zibiyelweyo, ezinamasango nemivalo yobhedu) yayinguBhen-gebhere;
14 eMahanayim yayinguAhinadabhi unyana kaIdo;