1 Ke kaloku ukumkani uHiram waseTire akuva ukuba uSolomon uthanjisiwe wangena esikhundleni sikaDavide, wathumela oonozaku-zaku bakhe kuSolomon, kuba kaloku kwakusoloko kukho unxibelelwano lobuhlobo phakathi kwakhe noDavide.
2 Nanku ke umyalezo owathunyelwa nguSolomon kuHiram:
3 “Kaloku nawe uyazi ukuba ngenxa yeemfazwe awazilwa zivela ngenxa zonke ubawo uDavide akazange abe nako ukwakhela igama *likaNdikhoyo uThixo wakhe indlu, de abe uNdikhoyo uzibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba zakhe.
4 Kambe ke ngoku mna uNdikhoyo uThixo wam undithe jize ngenzolo macal' onke; andinazintshaba nazithwakumbe.
5 Ngoko ke ndizimisele ukulakhela indlu igama likaNdikhoyo uThixo wam, njengoko uNdikhoyo watshoyo kubawo uDavide. Kaloku wathi: ‘Ngunyana wakho, endiya kumngenisa esihlalweni sakho, oya kulakhela indlu igama lam.’
6 Ngoko ke wena nceda uyalele ndigawulelwe imisedare eLebhanon. Amadoda am aya kusebenzisana nawakho kulo msebenzi, ndize ke mna amadoda akho ndiwahlawule loo mvuzo uwumisileyo. Kaloku nawe uyazi ukuba abam abasebenzi abanabo ubuchule obunjengobo bamaSidon ekugawuleni imithi.”
7 Akulufumana ke olu daba uHiram wavuya kakhulu, wathi: “Namhlanje makabongwe uNdikhoyo, kuba kaloku uDavide umnike isilumko sonyana ukuze asilawule esi sizwe sikhulu kangaka.”