1 Ke kaloku ngonyaka wamakhulu amane namashumi asibhozo ephumile amaSirayeli eJiputa, xa kanye uSolomon wayekunyaka wesine elawula amaSirayeli, ngenyanga yesibini uZivi, waqalisa ukuyakha indlu *kaNdikhoyo.
2 Le ndlu kaNdikhoyo wayakhayo ke uSolomon ngaphakathi ubude bayo babuziimitha ezingamashumi amabini anesixhenxe; zazilithoba ububanzi, ukuphakama zilishumi elinesithathu nesiqingatha.
3 Igumbi lesango laliziimitha ezine ezinesiqingatha ubude, ububanzi iziimitha ezilithoba, ububanzi bulingana nobendlu ngokwayo.
4 Le ndlu ke wayenzela iifestile ezinamanqwanqwa asondeleneyo.
5 Ngaphandle phaya wakha umgangatho owayame eludongeni, ujikeleza igumbi eliphambili neliphakathi, waza wakha neminye imigangatho phezu kwawo.
6 Kumgangatho ophantsi igumbi laliziimitha ezimbini ezinesiqingatha ububanzi; elomgangatho ophakathi laliziimitha ezintathu ububanzi; ke lona elokugqibela liziimitha ezintathu ezinesiqingatha ububanzi. Kumgangatho ngamnye udonga lwale ndlu lwalunciphile kunalo mgangatho ungaphantsi. Ngaloo ndlela ke amagumbi la ayexhathise ngodonga, imiqadi yawo inganxibelelananga neendonga ezi.