11 Ngenxa yelo lifu ababingeleli ababanga nako ukwenza imisebenzi yabo. Kaloku ubukhazikhazi besidima sikaNdikhoyo babuyizalisile indlu yakhe.
12 Ke kaloku uSolomon wathi: “UNdikhoyo wayethe uza kuhlala kwilifu elimnyama.
13 Ke mna ngenene ndikwakhele ipomakazi lendlu, indawo oya kuhlala kuyo ngonaphakade.”
14 Lithe lisemi apho lonke elo bandla likaSirayeli, ukumkani wee guququ walithamsanqela,
15 wathi: “Makabongwe uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, yena othe ngesandla sakhe wasifezekisa isithembiso awasenza ngowakhe umlomo kubawo uDavide. Kaloku yena wathi:
16 ‘Ukusukela kwimini endabakhuphayo ngayo abantu bam amaSirayeli eJiputa, zange ndizikhethele sixeko nakwisiphi na isizwe sakwaSirayeli apho lalinokwakhelwa khona indlu igama lam; kambe ke ndinyule uDavide ukuze abalawule abantu bam amaSirayeli.’
17 “UDavide ubawo wayezimisele ngomxhelo wakhe ukuba igama likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli alakhele indlu.