13 Ke mna ngenene ndikwakhele ipomakazi lendlu, indawo oya kuhlala kuyo ngonaphakade.”
14 Lithe lisemi apho lonke elo bandla likaSirayeli, ukumkani wee guququ walithamsanqela,
15 wathi: “Makabongwe uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, yena othe ngesandla sakhe wasifezekisa isithembiso awasenza ngowakhe umlomo kubawo uDavide. Kaloku yena wathi:
16 ‘Ukusukela kwimini endabakhuphayo ngayo abantu bam amaSirayeli eJiputa, zange ndizikhethele sixeko nakwisiphi na isizwe sakwaSirayeli apho lalinokwakhelwa khona indlu igama lam; kambe ke ndinyule uDavide ukuze abalawule abantu bam amaSirayeli.’
17 “UDavide ubawo wayezimisele ngomxhelo wakhe ukuba igama likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli alakhele indlu.
18 Kambe ke uNdikhoyo wathi kubawo uDavide: ‘Ibe yinto entle ukuba uzimisele ukulakhela indlu igama lam.
19 Noko ke kambe asinguwe oza kulakhela indlu igama lam, koko yoba ngunyana wakho; nditsho kanye owesinqe sakho – nguye oya kulakhela indlu igama lam.’