40 Ngaloo ndlela ke baya kukuhlonela ngalo lonke ixesha lokudla kwabo ubomi kulo mhlaba wawupha oobawo.
41 “Kanti ke nowasemzini ongenguye owabantu bakho amaSirayeli, kodwa ofike evela kwelikude ilizwe ngenxa yegama lakho –
42 kaloku abantu baya kuva ngodumo lwegama lakho nangamandla esandla sakho kunye nobungangamsha bengalo yakho – onjalo ke makathi akuza kuthandaza apha kule ndlu,
43 wena uve usekhayeni lakho ezulwini, owasemzini lo umenzele konke oko akucelayo kuwe, khon' ukuze zonke izizwe zehlabathi zilazi igama lakho, zikuhlonele kwanjengokuba bekuhlonela abantu bakho amaSirayeli. Ewe, ukuze ziqonde ukuba le ndlu ndiyakhileyo ibizwa ngegama lakho.
44 “Nabantu bakho xa bathe baya emfazweni besilwa neentshaba zabo, noba ubathumela phi na, mabathi bakuthandaza kuwe bebhekisa kule ndlu ndiyakhele igama lakho kwesi sixeko osinyulileyo,
45 yithi ke wena usezulwini uwuve umthandazo nesikhungo sabo, ubagwebele.
46 “Xa bathe bakona (kaloku akukho mntu ungoniyo) waza ke wena wakhathazeka, wabanikela elutshabeni, luze ke lona lubathimbe, luye nabo kwilizwe lalo, nokuba kukude okanye kukufuphi,