50 Ewe kaloku, uze ubaxolele abantu bakho abakonileyo, uzixolele zonke iziphoso zabo ngakuwe, wenze ukuba abo babathimbileyo babe nenceba kubo.
51 Kaloku aba bantu ngabakho ncakasana, balilifa lakho owalikhuphulula eJiputa kwelo ziko lokunyibilikisa isinyithi.
52 “Ngamana waneliso ekuzibikeni kwesicaka sakho nakuzo izikhungo zabantu bakho amaSirayeli; ewe, akwaba ungabaphulaphula nanini na bezibika kuwe.
53 Kaloku wena wabatyumba phakathi kwazo zonke izizwe zehlabathi, ukuze babe lilifa lakho, nanjengoko watshoyo ngomlomo wesicaka sakho uMosis, ngokuya wena, Nkosi Ndikhoyo, wawukhulula oobawo kwelaseJiputa.”
54 Uthe ke uSolomon akuyiphetha le mithandazo nezi zikhungo wayezenza *kuNdikhoyo, suka waphakama apho phambi kweqonga likaNdikhoyo, apho wayeguqe khona, izandla zakhe eziphakamisele ezulwini.
55 Wema ngoku, wayithamsanqela yonke loo ndimbane yebandla likaSirayeli. Ewe, wadanduluka ekhwaza esithi:
56 “Makabongwe uNdikhoyo obathe jize ngenzolo abantu bakhe amaSirayeli, kanye ngokwesithembiso sakhe. Akukho nalinye ilizwi elifadaleleyo kuzo zonke izithembiso ezilungileyo awazenza ngesicaka sakhe uMosis.