54 Uthe ke uSolomon akuyiphetha le mithandazo nezi zikhungo wayezenza *kuNdikhoyo, suka waphakama apho phambi kweqonga likaNdikhoyo, apho wayeguqe khona, izandla zakhe eziphakamisele ezulwini.
55 Wema ngoku, wayithamsanqela yonke loo ndimbane yebandla likaSirayeli. Ewe, wadanduluka ekhwaza esithi:
56 “Makabongwe uNdikhoyo obathe jize ngenzolo abantu bakhe amaSirayeli, kanye ngokwesithembiso sakhe. Akukho nalinye ilizwi elifadaleleyo kuzo zonke izithembiso ezilungileyo awazenza ngesicaka sakhe uMosis.
57 Ngamana ke uNdikhoyo uThixo wethu waba nathi kwanjengokuba wayenabo noobawo; ngamana akangesishiyi okanye asilahle.
58 Ngamana waziguqulela kuye iintliziyo zethu, ukuze sihambe ngazo zonke iindlela zakhe, siyigcine imithetho nemimiselo nemiqathango yakhe awayinika oobawo.
59 “Nala mazwi ndiwathetha ndithandaza phambi koNdikhoyo, ngamana ahlala ekufuphi imini nobusuku bayo kuNdikhoyo uThixo wethu, ukuze asigwebele isicaka sakhe, abagwebele nabantu bakhe amaSirayeli, loo nto ayenze ngokweemeko zemini nganye,
60 khon' ukuze zonke izizwe zehlabathi ziqonde ukuba uNdikhoyo nguThixo, akukho wumbi ngaphandle kwakhe.