10 Ke kaloku ekupheleni kwamashumi amabini eminyaka, xesha elo walithathayo uSolomon ekwakheni ezi zakhiwo zibini ziyindlu kaNdikhoyo nebhotwe likakumkani,
11 ukumkani uSolomon wanika ukumkani uHiram waseTire iidolophu ezimashumi mabini kweliya laseGalili. Kaloku uHiram lo nguye owamxhasa ngazo zonke izinto awayezifuna: imithi yomsedare, imipayini, kunye negolide.
12 Kambe ke uthe uHiram akuba esukile eTire waya kubona ezo dolophu azinikwe nguSolomon, suka azamkholisa.
13 Wabuza wathi: “Ezi dolophu undiphe zona yile mfeketho, mntakwethu?” Wazibiza ngokuba ngumhlaba waseKabhuli. Zisabizwa njalo ke unanamhla.
14 Ke uHiram lo wathumela uSolomon igolide ebunzima bungaphezu kwamawaka amane eekhilogram.
15 Ukumkani uSolomon wagaya abasebenzi bonyanzelo ukuze akhe indlu *kaNdikhoyo kunye nebhotwe lakhe nokulungiselelanisa umhlaba oxhase isixeko ngasempuma, ukwakha iindonga ezijikeleze iJerusalem, nokwakha iHazore, iMegido, neGezere.
16 Kaloku ukumkani waseJiputa wayihlasela wayithatha iGezere. Wayitshisa ngomlilo, wababulala abemi bayo abangamaKanana, waza wembesa ngayo intombi yakhe eyayingumka-Solomon.