1 *UNdikhoyo wabiza uMosis, wathetha naye *esesibingelelweni, wathi
2 makathethe namaSirayeli athi: “Xa umntu esenza umnikelo kuNdikhoyo makawenze ngento efuyiweyo, nokuba yinkomo, nokuba yimpahla emfutshane.
3 Xa anikela ngenkomo, esenza idini elitshiswayo, mayibe yinkunzi engenaso nasinye isiphako. Makayise esangweni lesibingelelo, khon' ukuze uNdikhoyo amamkele.
4 Loo mntu ke uya kubeka isandla sakhe entloko kuloo nkomo, yaye ke iya kwamkeleka ibe lidini lokumcamagushela.
5 Loo nkunzi iya kuxhelelwa apho phambi kukaNdikhoyo, baze ababingeleli bomlibo ka-Aron balisondeze kuNdikhoyo igazi layo, babuye batshize ngalo amacala onke eqonga lamadini elisekungeneni kwesibingelelo.
6 Loo mntu uya kubuya ayihlinze inkomo leyo, ayihlahle,
7 baze bona ababingeleli baphembe umlilo eqongeni, babekelele iinkuni phezu kwawo.