Eyonqulo 5 XHO96

Iimeko zokucanyagushelwa ngamadini

1 Xa umntu ebizwe yinkundla ukuba anike ubungqina, aze anganiki nkcazelo ngento ayibonileyo nayivileyo, unetyala.

2 Xa umntu echukumise *into engàphathwayo, enjengesilo esifileyo, udyobhekile, unetyala, nokuba akaqondi. Ingasisilwanyana sasendle esingatyiwayo, nokuba yimfuyo engatyiwayo, okanye sisilwanyana esirhubuluzayo.

3 Xa umntu echukumise into engàphathwayo ephuma komnye umntu, loo mntu naye udyobhekile, unetyala nokuba akaqondi.

4 Xa umntu efumana afunge engacinganga, nokuba ufungela nantoni na, unetyala nokuba akaqondi.

5 Mayela nale micimbi, akuba umntu eziqondile ukuba wonile, makasivume isiphoso sakhe,

6 aze eze nemazi yegusha nokuba yeyebhokhwe *kuNdikhoyo, enze idini lokungxengxezela ityala lakhe. Umbingeleli wolinikela elo dini ngenxa yeso siphoso.

7 Ukuba loo mntu akanako ukunikela ngegusha okanye ibhokhwe, wozisa amahobe amabini kuNdikhoyo, nokuba ngamavukuthu, enze intlawulelo yesono sakhe ngawo. Elinye loba ngumnikelo wokucamagushela isono, elinye libe leledini elitshiswayo.

8 Wowasa kumbingeleli. Yena woqala anikele elinye libe ngumnikelo wokucamagushela isono. Wolaphula intamo, angayiqhawuli kambe intloko,

9 aze atshize ngenxalenye yegazi lalo apho ecaleni leqonga. Eliseleyo igazi woliphalaza emazantsi eqonga. Lo ngumnikelo wokucamagushela isono.

10 Eyesibini intaka woyenza idini elitshiswayo, njengokomyalelo. Wenjenjalo ke umbingeleli ukwenzela umntu idini, aze axolelwe iziphoso.

11 Ukuba loo mntu akanako ukunikela nangamahobe amabini, okanye amavukuthu, wozisa ikhilogram yomgubo wengqolowa, enze ngawo umnikelo. Akayi kugalela mafutha omnquma nantlaka yesiqhumiso kuwo, kuba asingomnikelo wakutya lo, koko eli lidini lokucamagushela isono.

12 Wowunika umbingeleli, yena athathe kangangesandla, eqondisa ukuba wonke unikelwa kuNdikhoyo, aze ke awutshise apho eqongeni phezu kweminikelo enikelwa kuNikhoyo ngomlilo. Lo ngumnikelo wokucamagushela isono.

13 Wokwenjenjalo ke umbingeleli ukwenzela loo mntu idini, aze axolelwe nasiphi na isiphoso esinjengezi sezikhankanyiwe. Umgubo oseleyo woba ngowombingeleli, kanye njengoko kunjalo xa kwenziwa umnikelo wokutya.

Amadini okucamagushela iziphoso

14 *UNdikhoyo wanika uMosis le miyalelo:

15 Xa umntu one engaqondanga ngokutyeshela iimfanelo zikaNdikhoyo, loo mntu makathathe emhlambini wakhe inkunzi yegusha engenasiphako, okanye eyebhokhwe, eze nayo kuNdikhoyo, ibe yintlawulelo. Ixabiso layo loba ngangomlinganiselo ovunyiweyo wesiliva.

16 Makahlawule neliya lokutyeshela iimfanelo zikaNdikhoyo, aze ongeze isinye esihlanwini. Ke yena umbingeleli womenzela idini ngenkunzi leyo ngenxa yesono sakhe, aze asixolelwe eso sono.

17 Xa umntu one engaqondanga ngokwaphula nayiphi na imimiselo kaNdikhoyo, loo mntu unetyala, yaye uya kuluthwala olo xanduva.

18 Kufuneka eze nenkunzi yegusha engenasiphako kumbingeleli, okanye ibhokhwe. Ixabiso layo loba ngangomlinganiselo ovunyiweyo. Umbingeleli wolinikela idini, aze loo mntu axolelwe isiphoso sakhe.

19 Eli lidini lokucamagushela ityala leziphoso zokwaphula ummiselo kaNdikhoyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18