Eyonqulo 16 XHO96

UMhla wokuCamagusha

1 Emva kokufa koonyana baka-Aron bobabini, abafa ngenxa yokwenzela *uNdikhoyo umlilo ongekho esikweni,

2 uNdikhoyo wathi kuMosis: “Yithi kumntakwenu uAron makangafan' angene nje emva komkhusane kwelona gumbi lingcwele, kuba kulapho ndibonakala khona elifini ngaphezu kwesivalo sokucamagushela setyesi yomnqophiso. Ukuba uyenzile loo nto uya kufa.

3 Angangena kwelona gumbi lingcwele kuphela xa eza nenkunzana yenkomo yedini lesono kunye nenkunzi yegusha yedini elitshiswayo.”

4 Wathi uNdikhoyo uAron aze enze ezi zinto: UAron ngaphambi kokuba angene kwelona gumbi lingcwele kufuneka ahlambe umzimba, afake izivatho ezizodwa zobubingeleli: ihempe yelinen yangapantsi, ibhulukhwe emfutshane, umbhinqo esinqeni, aze athwale iqhiya.

5 Ibandla lakwaSirayeli lilonke lonikela uAron iinkunzi zeebhokhwe zibe mbini zokwenza idini lesono, kunye nenkunzi yegusha yedini elitshiswayo.

6 Uya kunikela ngenkunzi yenkomo yokungxengxezela izono zakhe kwakunye nomzi wakhe,

7 andule ke asondeze ezaa bhokhwe zimbini ngasesangweni *lesibingelelo phambi koNdikhoyo.

8 Khona apho ke uya kwenza *iqashiso ngamatye amabini, elinye ilitye libhalwe kuthiwe “ibhokhwe kaNdikhoyo” elinye “ibhokhwe ethwaliswa izono.”

9 Iya kuthi ke loo bhokhwe ichongwe ngeqashiso ukuba yekaNdikhoyo uAron enze ngayo idini lokucamagushela isono,

10 ithi leya iyibhokhwe ethwaliswa izono isondezwe kuNdikhoyo ihleli, ibe sisicamagushelo ngokuthi ikhatshelelwe entlango ithwele izono zesizwe.

11 UAron uya kuza nenkunzi yenkomo yokucamagushela isono sakhe kunye nesomzi wakhe, aze ayixhele.

12 Uya kukha amalahle avuthayo ngomcephe eqongeni eliphambi koNdikhoyo, aze athathe kangangezandla ezibini zentlaka yesiqhumiso ecoliweyo, angene nazo kwelona gumbi lingcwele.

13 Apho ke ngaphambi koNdikhoyo wogalela intlaka yesiqhumiso kuloo malahle, khon' ukuze umsi wesiqhumiso usigubungele isivalo setyesi enobungqina bomnqophiso, ukuze angayiboni, hleze afe akuyibona.

14 Uya kwandula ke athi nkxu umnwe wakhe egazini laloo nkunzi yenkomo exheliweyo, ze atshize ngalo umphambili wesivalo setyesi, aze athi tshize kasixhenxe nangaphambi kwetyesi yomnqophiso.

15 Akugqiba ke uya kuxhela laa bhokhwe yedini lokungxengxezela izono zesizwe, azise igazi layo ngaphakathi kwelona gumbi lingcwele, aze atshize ngalo isivalo nomphambili wetyesi yomnqophiso njengoko ebenzile ngegazi lenkunzi yenkomo.

16 Ngokwenjenje ke uyalicamagushela elona gumbi lingcwele ekuxajelweni *ngumlaza wamaSirayeli nazizono zokungeva kwawo. Kufuneka ayenze le nto nasesibingelelweni siphela, kuba kaloku simi kanye embindini welali esuleleke ngumlaza.

17 Ukususela ekungeneni kuka-Aron kwelona gumbi lingcwele ukuya kwenza inkonzo yokucamagushela, de abe uphumile, makungangeni namnye umntu esibingelelweni. Akugqiba ukuzicamagushela yena kunye nomzi wakhe kwakunye nebandla likaSirayeli liphela,

18 kufuneka aphume aye kucamagushela iqonga eliphambi koNdikhoyo. Makathathe igazi lalaa nkunzi yenkomo nelalaa bhokhwe, aye kutyikila ngalo iimpondo ezikwiikona zeqonga,

19 aze atshize ngelo gazi kasixhenxe apho eqongeni. Wokwenjenjalo ke ukulicamagushela iqonga lamadini kumlaza wamaSirayeli, alahlulele uNdikhoyo libe ngcwele.

Ibhokhwe ethwaliswa izono

20 Akugqiba uAron ukulicamagushela elona gumbi lingcwele, *nesibingelelo siphela, kunye neqonga, uya kusondeza *kuNdikhoyo laa bhokhwe ihleliyo ibichongelwe ukuthwaliswa izono.

21 Woyibeka izandla entloko, avume phezu kwayo bonke ububi obenziwe ngamaSirayeli, nokungeva kwawo, kunye nezono zawo zonke. Loo bhokhwe ithwaliswe zonke izono iya kukhatshelwa entlango ngumntu otyunjelwe loo nto.

22 Yozithwala zonke izono zabantu loo bhokhwe, iye nazo apho kungahlali mntu khona.

23 Uya kwandula ke ngoku uAron aye esibingelelweni, apho aya kufika akhulule izivatho zobubingeleli abezinxibe ngaphambi kokuba angene kwelona gumbi lingcwele, azishiye apho.

24 Uya kuhlamba umzimba endaweni ekhethekileyo, aze anxibe impahla yakhe eqhelekileyo. Emva koko uya kuphumela ngaphandle, anikele idini elitshiswayo lokucamagushela izono zakhe nelokucamagushela izono zesizwe.

25 Amanqatha edini lesono makawatshisele apho eqongeni.

26 Laa mntu ubeyikhaphele entlango ibhokhwe ethwaliswe izono kufuneka ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba, ngaphambi kokuba abuyele ngaphakathi kwelali.

27 Laa nkunzi yenkomo kunye nalaa bhokhwe yokwenza idini lesono, ezigazi lazo belingeniswe kwelona gumbi lingcwele ukuze ngalo kungxengxezelwe isono, kufuneka zona zikhutshelwe ngaphandle kwelali, zitshiswe apho. Ufele, inyama, kunye nezibilini, kufuneka kutshiswe konke.

28 Umntu otyunjelwe loo msebenzi wokuzitshisa kufuneka ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba, ngaphambi kokuba abuyele ngaphakathi kwelali.

Izithethe zoMhla wokuCamagusha

29 Ezi zithethe kufuneka zigcinwe ngalo lonke ixesha: Ngosuku lweshumi kwinyanga yesixhenxe kufuneka amaSirayeli, kwakunye nabangeneleli abaphakathi kwawo, bazile, bangenzi namsebenzi.

30 Ngaloo mini makucanyagushwe, khon' ukuze bangabi nasono *kuNdikhoyo.

31 Loo mhla mawube yimini eyodwa abaya kuthi bazile ngayo, bangenzi nomsebenzi lo. Esi mayibe sisithethe esiya kusoloko sigcinwa ngalo lonke ixesha.

32 Ucamagusho kufuneka lwenziwe ngumbingeleli omkhulu omiselwe watyunjelwa ukungena endaweni kayise. Wovatha ezizodwa zobubingeleli,

33 aze ke alicamagushele elona gumbi lingcwele, *isibingelelo siphela, iqonga, ababingeleli, kwakunye nebandla lakwaSirayeli lilonke.

34 Masingaze sityeshelwe esi sithethe. Kanye ngonyaka amaSirayeli makacanyagushelwe.UMosis ke wenza njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18