Eyonqulo 15 XHO96

Ububovu obubanga umlaza

1 *UNdikhoyo wabhekisa kuMosis nakuAron wathi

2 maze baxelele amaSirayeli ukuba xa kukho indoda evuza ububovu ngamaphambili, loo nto yenza *umlaza,

3 nokuba ukuvuza oko kuhlala kukho, okanye kumana kunqamka.

4 Umandlalo ethi ihlale okanye ilale phezu kwawo, nawo uyasuleleka ngumlaza.

5-6 Kanti ke nomntu othi achukumise loo mandlalo, okanye ahlale phezu kwento ebikhe yahlala phezu kwayo loo ndoda, kufuneka ahlambe impahla yakhe, azihlambe umzimba. Wohlala enomlaza kude kutshone ilanga.

7 Umntu othi ayichukumise loo ndoda naye kufuneka ahlambe impahla yakhe, azihlambe nomzimba, yaye uya kuhlala enomlaza kude kutshone ilanga.

8 Ukuba ithe yatshicela umntu loo ndoda ivuzayo, loo mntu yena kufuneka ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba, yaye uya kuba nomlaza de kutshone ilanga.

9 Isali nokuba sisihlalo ethi loo ndoda inomlaza ihlale kuso, iyasuleleka ngumlaza.

10 Umntu othe wachukumisa nantoni na ebithe yahlala phezu kwayo loo ndoda inomlaza, naye uyasuleleka de kutshone ilanga. Umntu othe waphatha into ebekuhleli kuyo loo ndoda kufuneka yena ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba, yaye usulelekile naye kude kutshone ilanga.

11 Xa laa ndoda inomlaza ithe yabamba umntu ingazihlambanga izandla zayo, loo mntu yena usulelekile. Kufuneka ahlambe impahla, ahlambe nomzimba. Wohlala enomlaza naye kude kutshone ilanga.

12 Kufuneka iqhekezwe ingqayi ethe yaphathwa nguloo mfo uvuzayo, size sona isitya esenziwe ngomthi sihlanjwe.

13 Yakuba le ndoda iphilile, kufuneka ilinde iintsuku zibe sixhenxe, yandule ke ukuya kuhlamba impahla, ize ihlambe nomzimba kumanzi abalekayo, ukuze usuke umlaza.

14 Ngosuku lwesibhozo kufuneka ise kumbingeleli amahobe amabini okanye amavukuthu ngasesangweni *lesibingelelo phambi koNdikhoyo.

15 Umbingeleli ke yena wonikela elinye libe lidini lesono, lize elinye libe lidini elitshiswayo. Uya kwenjenjalo ke ukucamagushela loo mntu.

16 Xa kukho indoda ethe yazingcolisa ngobudoda, kufuneka ihlambe umzimba. Yohlala inomlaza kude kutshone ilanga.

17 Impahla ethe yathontsizelwa yangcola, nokuba yeyesikhumba, kufuneka ihlanjwe, yaye yohlala inomlaza kude kutshone ilanga.

18 Xa indoda nomfazi bethe bahlangana, kufuneka bahlambe umzimba emva koko, yaye boba nomlaza kude kutshone ilanga.

19 Umntu obhinqileyo xa athe waba sexesheni uba nomlaza iintsuku ezisixhenxe; umntu othi amchukumise naye uyasuleleka de kutshone ilanga.

20 Nantoni na athi ahlale okanye alale phezu kwayo lo gama asexesheni nayo iyasuleleka ngumlaza.

21-23 Umntu ochukumisa umandlalo waloo mfazi, okanye into athe wahlala phezu kwayo, uyasuleleka ngumlaza kude kutshone ilanga, yaye kufuneka ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba.

24 Xa kukho indoda ethe yahlangana naye lo gama asexesheni nayo iyasuleleka ngumlaza. Yoba nawo de kube ziintsuku ezisixhenxe; yaye nomandlalo ethi ingqengqe kuwo uba nomlaza nawo.

25 Xa kukho umntu obhinqileyo ohlambayo naxa engekho exesheni lokwenza loo nto, okanye ohlamba naxa seligqithile ixesha lakhe, uba nomlaza ngaye wonke lo gama asahlambayo, kanye njengoko kuba njalo xa esexesheni.

26 Ngalo lonke ke elo xesha umandlalo alala kuwo, kwanento athi ahlale kuyo, iba nomlaza.

27 Umntu othi achukumise ezo zinto uyasuleleka, yaye kufuneka ahlambe impahla yakhe kwakunye nomzimba. Uba nomlaza de kutshone ilanga.

28 Akupheza ukuhlamba kufuneka loo mfazi alinde iintsuku zibe sixhenxe, aze ke ahlambuluke.

29 Ngosuku lwesibhozo kufuneka ase kumbingeleli amahobe amabini, okanye amavukuthu, ngasesangweni lesibingelelo.

30 Umbingeleli wonikela elinye libe lidini lesono, lize elinye libe lidini elitshiswayo. Yiyo ke leyo indlela yokumcamagushela phambi koNdikhoyo umfazi okuloo meko.

31 UNdikhoyo wathi kuMosis: “Wakhwebule amaSirayeli kwiimeko ezibangela umlaza, ukuze angasixabheli isibingelelo sam esisembindini welali, hleze afe.”

32 Nguwo lowo ke umyalelo mayelana nendoda evuza ububovu, okanye ethe yazingcolisa ngobudoda,

33 kwakunye nomntu obhinqileyo osexesheni, okanye indoda ethe yahlangana nomfazi onomlaza, kwakunye nabani na ovuza ububovu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18