Eyonqulo 14 XHO96

Ukususwa komlaza kumntu obenesifo solusu

1 *UNdikhoyo wanika uMosis le nkqubo

2 yokususwa *komlaza kumntu ophilileyo obesakuba nesifo esosulelayo solusu. Kuya kuthi ngomhla okuza kwaziswa ngawo ukuba akasenamlaza kufuneke adibane nombingeleli loo mntu.

3 Yena ke umbingeleli wophumela ngaphandle kwelali, apho aya kuthi amxilonge khona. Xa isifo siphelile,

4 umbingeleli uya kuthi makuziswe iintaka ezimbini ezityiwayo, kunye neceba lomthi womsedare, negqesha elibomvu, kwakunye nehlamvu lengcongolo ekuthiwa yihisopu.

5 Andule ke umbingeleli athi mayibulawe enye intaka, yophiselwe engqayini enamanzi asand' ukukhiwa emthonjeni.

6 Enye intaka le woyithatha ayithi nkxu egazini lale ifileyo, alenjenjalo neceba lomsedare, igqesha elibomvu, kunye nehlamvu elo lehisopu.

7 Emva koko womfefa kasixhenxe ngelo gazi loo mntu uphilileyo, andule ke azise ukuba akasenamlaza ngoku. Le ihleliyo intaka yona wophuma nayo elalini, ayiyeke ibhabhe imke.

8 Loo mntu ke kufuneka ahlambe impahla yakhe, achebe iinwele, ahlambe nomzimba, aze ke abe uhlambulukile. Angangena ngoku ngaphakathi kwelali, kodwa kufuneka angangeni endlwini yakhe kude kuphele iintsuku ezisixhenxe.

9 Wobuya azichebe iinwele kwakhona ngomhla wesixhenxe, achebe neendevu, neentshiya; bonke uboya obusemzimbeni abuchebe nabo, aphinde ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba, aze ke emva koko abe akanawo tu umlaza.

10 Ngosuku lwesibhozo kufuneka eze neenkunzi ezimbini zeegusha ezinonyaka omnye kwakunye nemazi yegusha enonyaka, zingabi nasiphako, aphathe kunye neekhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa oxutywe namafutha omnquma, athathe namafutha anganeno kwesiqingatha selitha.

11 Umbingeleli owazisa ukuhlambuluka kwaloo mntu womsondeza naloo minikelo yakhe ekungeneni *kwesibingelelo phambi koNdikhoyo;

12 andule ke umbingeleli athathe enye inkunzi yegusha kunye nalaa mafutha anganeno kwesiqingatha selitha, enze ngazo idini lentlawulo. Wozinikela kuNdikhoyo zibe ngumnikelo owanga-wangiswayo.

13 Le nkunzi yegusha enonyaka woyinqumlela kulaa ndawo ikhethekileyo kuxhelelwa kuyo izinto zokwenza amadini okucamagushela isono natshiswayo. Kufuneka enjenjalo, kuba kaloku idini lentlawulo lidini elilodwa, elisisabelo sombingeleli, njengoko linjalo idini lokucamagushela isono.

14 Ngoku ke umbingeleli uthi nkxu umnwe egazini, aze atyikile ngalo indlebe yaloo mntu yasekunene, ubhontsi wasekunene, nosithupha wasekunene;

15 abuye athathe inxenye yaloo mafutha, ayigalele esandleni sasekhohlo,

16 athi nkxu umnwe wesandla sokunene kuloo mafutha, aze afefe ngawo phambi koNdikhoyo kasixhenxe;

17 ze aphinde acuntsule intwana kwakuloo mafutha asesandleni, atyikile eziya ndawo ebedyobhe igazi kuzo: indlebe yaloo mntu yasekunene, nobhontsi wasekunene, kwakunye nosithupha wasekunene.

18 Amafutha asele esandleni sakhe kufuneka athambise ngawo intloko yaloo mntu uhlanjwa umlaza. Uya kwenjenjalo ke umbingeleli ukucamagushela loo mntu.

19 Emva koko ke umbingeleli kufuneka anikele idini lokucamagushela isono, ukungxengxezela loo mntu unomlaza. Uya kwandula ke anqumle into yokwenza idini elitshiswayo,

20 aze ayinikele eqongeni kunye nomnikelo wokutya. Wokwenjenjalo ke umbingeleli xa ecamagushela umntu; abe ke loo mntu uhlambulukile.

21 Xa ngaba loo mntu ulihlwempu, yaye engenako ukwenza ngenye indlela, kufuneka eze nenkunzi yegusha yokwenza idini lentlawulelo. Eli lidini eliwanga-wangiswa phambi koNdikhoyo ukucamagushela umntu lowo. Kufuneka aphathe nekhilogram enye yomgubo wengqolowa oxutywe namafutha omnquma aza kuba ngumnikelo wokutya, kwakunye namafutha omnquma anganeno kwesiqingatha selitha.

22 Kufuneka kwakhona eze namahobe amabini okanye amavukuthu amabini. Elinye loba leledini lokucamagushela isono, elinye libe leledini elitshiswayo.

23 Uya kuza nazo ezi zinto ngomhla wesibhozo kumbingeleli, umhla wokuhlanjululwa kwakhe, ekungeneni kwesibingelelo phambi koNdikhoyo.

24 Umbingeleli wothatha igusha yedini lentlawulelo, kunye namafutha omnquma, aziwanga-wangise phambi koNdikhoyo.

25 Kufuneka ayinqumle igusha leyo, aze athi ngentwana yegazi layo atyikile indlebe yasekunene yaloo mntu, nobhontsi wasekunene, kunye nosithupha wasekunene,

26 aze agalele intwana yamafutha esandleni sakhe sasekhohlo,

27 athi nkxu kuwo umnwe wesandla sakhe sokunene, aze afefe isibingelelo ngalo kasixhenxe,

28 andule atyikile ngamafutha eziya ndawo ebedyobhe igazi kuzo: indlebe yasekunene, ubhontsi wasekunene, nosithupha wasekunene.

29 La mafutha asele esandleni sakhe sasekhohlo umbingeleli kufuneka athambise ngawo intloko yaloo mntu uhlanjwa umlaza, aze ke abe ucanyagushelwe phambi koNdikhoyo.

30-31 Emva koko wenza idini lokucamagushela isono ngelinye lamahobe okanye amavukuthu, aze ngelinye enze idini elitshiswayo, athathe nokutya oku. Uya kwenjenjalo ke ukumcamagushela kuNdikhoyo umntu onomlaza.

32 Yiyo ke leyo inkqubo malunga nomntu obesakuba nesifo solusu esosulelayo kodwa abe engenandlela yokufikelela kwiminikelo eqhelekileyo.

Umngundane ezindlwini

33 *UNdikhoyo wathi kuMosis noAron:

34 “Nakufika kwilizwe laseKanana endininika lona ukuba nime kulo, ze nenjeje mayela nezindlu ezinomngundane: Ukuba kuvele umngundane endlwini ethile kwelo lizwe

35 umnini-ndlu kufuneka aye kubika kumbingeleli esithi: ‘Ndibhaqe into engathi ngumngundane endlwini yam.’

36 Uya kuthi umbingeleli makukhutshwe yonke impahla esendlwini, ngaphambi kokuba aye kuhlola ukungunda oko kusendlwini; kungenjalo yonke into ekuloo ndlu uya kuthi *inomlaza. Uya kuya ke endlwini apho,

37 afike ahlole ukungunda oko. Xa kukho amachaphaza abuluhlaza okanye abubomvu athe gongqo eludongeni,

38 wophuma kuloo ndlu, aze ayitshixe ithuba leentsuku ezisixhenxe.

39 Ngolwesixhenxe usuku wobuya abuye umbingeleli, aze kuyihlola kwakhona loo ndlu. Xa ukungunda kunwenwile,

40 umbingeleli uya kuthi loo matye angundileyo makakhutshwe aphoswe ngaphandle kwelali kwindawo yenkunkuma,

41 emva koko athi makuxotyulwe udaka eludongeni lwangaphakathi, luye kulahlwa ngaphandle kwelali kwindawo yenkunkuma.

42 Endaweni yalawa matye akhutshiweyo kofakwa amanye amatsha, kutyatyekwe nangodaka olutsha.

43 “Xa ukungunda kuphinde kwavela, naxa indlu leyo ibe ikhutshwe loo matye ebengundile yaza yatyatyekwa kutsha,

44 kufuneka aye kuyihlola kwakhona umbingeleli. Ukuba ukungunda kuye kwanwenwa, loo ndlu inomlaza.

45 Kufuneka ke ichithwe, aze amatye ayo, naloo maplanga, kunye nodaka, aye kulahlwa ngaphandle kwelali kwindawo yenkunkuma.

46 Umntu othe wangena kuloo ndlu lo gama itshixiweyo woba nomlaza kude kutshone ilanga.

47 Umntu othe walala kuyo, okanye watyela apho kuyo, kufuneka ahlambe impahla yakhe.

48 “Xa athe weza kuyihlola loo ndlu umbingeleli emva kokuba ihlaziyiwe, waza akabona kungunda kukhoyo, uya kuthi loo ndlu ayisenawo umlaza, kuba kaloku umngundane uphelile.

49 Ukuhlambulula le ndlu kufuneka athathe iintaka ezimbini, kunye neceba lomsedare, negqesha elibomvu, kunye nehlamvu lengcongolo ekuthiwa yihisopu.

50 Enye intaka uya kuyophisela engqayini enamanzi asand' ukukhiwa emthonjeni,

51 aze athathe elaa ceba lomsedare, nehlamvu lehisopu, negqesha elibomvu, kunye nalaa ntaka ihleliyo, azithi nkxu egazini laleya ntaka yophiselwe kulaa manzi asand' ukukhiwa, aze ke afefe loo ndlu kasixhenxe ngazo.

52 Uya kwenjenjalo ke umbingeleli ukuyisusa umlaza loo ndlu ngegazi lentaka, ngamanzi asand' ukukhiwa, ngentaka ehleliyo, nangeceba lomsedare, nehlamvu lehisopu, kwakunye negqesha elibomvu.

53 Loo ntaka ihleliyo makaphume nayo elalini ayiyeke ibhabhe imke. Wenjenjalo ke ukususa umlaza obukuloo ndlu, ukuze ihlambuluke.”

54 Yonke le nquleqhu ingesifo esosulelayo solusu,

55-56 izilonda, amathumba, ukudumba, nokungunda kwezindlu nempahla.

57 Le nkqubo icalula phakathi kwento enomlaza nento engenawo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18