Eyonqulo 8 XHO96

Ukumiselwa kuka-Aron noonyana bakhe

1 *UNdikhoyo wathi kuMosis:

2-3 “Yiya noAron kunye noonyana bakhe ekungeneni *kwesibingelelo, uphathe nezivatho zababingeleli, kunye namafutha okuthambisa, nenkunzi yenkomo yedini lokungxengxezela izono, iinkunzi ezimbini zeegusha, kunye nebhaskiti enezonka ezingenagwele. Uze ke ubize umzi wakwaSirayeli uphela.”

4 UMosis wenza njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo, waza wenjenje ukuthetha ebhekisa kwelo bandla elalithe nqwadalala ekungeneni kwesibingelelo:

5 “Le nto ndiza kuyenza ngoku yinto endiyithunywe nguNdikhoyo.”

6 UMosis wathi uAron noonyana bakhe mabasondele, waza wabahlamba ngamanzi.

7 Unxibe uAron ihempe, wamthi wambu ngomnweba, wamfaka umxwayo, waza wamfaka *isidanga, wasiqhobosha esinqeni ngebhanti esontwe ngobunono.

8 Kweso sidanga sisesifubeni wafaka *iiurim neethumim.

9 Umthwalise iqhiya entloko, waza kuyo waqhoboshela isihombiso esenziwe ngegolide, esiluphawu lokwahlulelwa uNdikhoyo. Wenza kanye njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo uMosis.

10 UMosis uthathe amafutha, wathambisa isibingelelo nazo zonke izinto ezingaphakathi kwaso, waza ngokwenjenjalo wazahlulela uThixo.

11 Ufefe iqonga kasixhenxe ngamafutha aseleyo, kunye nempahla yalo yonke, nesitya sokuhlambela, kwanamazantsi aso, zonke ezo zinto ezahlulela uThixo.

12 Waza wammisela uAron, emahlulela uNdikhoyo, ngokumgalela inxenye yamafutha entloko.

13 Emva koko uMosis uthathe oonyana baka-Aron, wabanxiba iihempe, wabafaka imixwayo, wabathwesa iminqwazi, njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.

14 UMosis usondeze inkunzi yedini lokucamagushela, waza uAron noonyana bakhe bayibeka izandla entloko.

15 Uyihlabile uMosis, waza wathi nkxu umnwe wakhe egazini layo, walityikila kwiimpondo zone zeekona zeqonga, waba ulahlulela uNdikhoyo ngokwenjenjalo. Eliseleyo ke igazi uliphalaze emazantsi eqonga. Waba ke ngoko uyalihlambulula iqonga.

16 Wawathatha onke amanqatha ezibilini uMosis, kunye nomhlehlo, kwakunye nezintso namanqatha azo, wawatshisa apho eqongeni lamadini.

17 Uyithathe yonke loo nyama yaloo nkomo ndawonye nesikhumba namathumbu waya kuzitshisa ngaphandle kwelali njengokutsho kukaNdikhoyo.

18 Emva koko uMosis usondeze inkunzi yegusha yedini elitshiswayo, baza uAron noonyana bakhe bayibeka izandla entloko.

19 Uyinqumle uMosis, waza igazi waliphosa kumacala onke eqonga.

20-21 Wayihlahla loo gusha, waza wahlamba izibilini nemilenze. Intloko yona, kunye namanqatha, kunye nayo yonke loo nyama, wazitshisa apho eqongeni, kanye njengoko kwatsho uNdikhoyo. Eli lidini elitshiswayo, idini elenzelwa uNdikhoyo ngomlilo. Ivumba lalo liyolile kuNdikhoyo.

22 Uze neyesibini inkunzi yegusha uMosis; le yona yayiyeyedini lokumiselwa kwababingeleli, waza uAron noonyana bakhe bayibeka izandla entloko.

23 Wayinqumla uMosis, waza wathatha intwana yegazi, watyikila ngalo indlebe yokunene ka-Aron, nosithupha wesandla sokunene, nobhontsi wonyawo lokunene.

24 Ngoku uMosis usondeze oonyana baka-Aron, nabo wabadyobha igazi iindlebe zasekunene, oosithupha basekunene, noobhontsi beenyawo zasekunene. Waza eliseleyo igazi waliphalaza kumacala onke eqonga.

25 UMosis uthathe amanqatha, nomsila, namanqatha ezibilini, umhlehlo, nezintso namanqatha azo, kunye nomlenze wasekunene.

26 Emva koko uthathe isonka sasinye esingenagwele kulaa bhaskiti iphambi koNdikhoyo, wathatha nesonka esenziwe ngamafutha, neqebengwana lalinye, waza wazibeka ngaphezu kwamanqatha nomlenze.

27 Uzithathe zonke, wazinika uAron noonyana bakhe, bona baziwanga-wangisa phambi koNdikhoyo zangumnikelo.

28 Uphinde wazithatha kubo uMosis, wazitshisa apho eqongeni, ngaphezu kwelaa dini litshiswayo, zalidini lokumisela. Lo ngumnikelo owenziwa ngomlilo, ovumba lithandekayo kuNdikhoyo.

29 UMosis uthathe incum wayiwanga-wangisa yangumnikelo kuNdikhoyo. Le yayiyinxaxheba kaMosis yedini lomiselo lwababingeleli. UMosis wenza kanye njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.

30 UMosis uthathe inxalenye yamafutha okuthambisa, nenxalenye yegazi elaliseqongeni, watshiza uAron noonyana bakhe kwankqu nezivatho zabo. Wenjenjalo ukubahlulela uNdikhoyo kwanezambatho zabo nazo.

31 Uthe uMosis kuAron noonyana bakhe: “Le nyama yiseni ekungeneni kwesibingelelo, nize niyipheke apho, niyitye nesiya sonka sisebhaskitini yamadini okumisela ababingeleli, ngokomyalelo kaNdikhoyo.

32 Ze niyitshise yonke inyama eseleyo nesonka esiseleyo.

33 Ze ningemki apho ekungeneni kwesibingelelo kude kube ziintsuku ezisixhenxe, ude ube ke udlule umsitho wokumiselwa kwenu.

34 UNdikhoyo usiyalele ukuba senze le nto siyenzileyo namhlanje kuni ukususa isono senu.

35 Ze nihlale ke phaya ekungeneni kwesibingelelo ubusuku nemini, kude kube ziintsuku ezisixhenxe, nithobela umyalelo kaNdikhoyo. Niya kufa ukuba aniyenzi loo nto. Yinto ethethwe nguNdikhoyo leyo ke kum.”

36 UAron noonyana bakhe ke bênza njengoko uNdikhoyo wayeyalele uMosis.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18