Eyonqulo 10 XHO96

Isono sikaNadabhi noAbhihu

1 UNadabhi noAbhihu, oonyana baka-Aron, elowo wathatha umcephe wakhe wamalahle, wagalela amalahle, wafaka nentlaka yesiqhumiso, bazisa phambi *koNdikhoyo. Kambe ke loo mlilo wabo wawunxamnye nomyalelo kaNdikhoyo.

2 Kusuke kwaphuma umlilo kuNdikhoyo owabatshisela khona apho, bafela apho phambi koNdikhoyo.

3 UMosis ke uthe kuAron: “Nantso ke into eyayixelwa nguNdikhoyo ngokuya wayesithi: ‘Kufuneka bandihlonele bonke abasondelayo kum; abantu bam ndobabonisa isihomo nesithozela sam.’ ” Yena uAron wasuka wathula tu.

4 UMosis ubize uMishayeli kunye noElizafan, oonyana bakaUziyeli, uyisekazi ka-Aron, wathi kubo mabaye kuthatha imizimba yabantakwabo, bayisuse phambi *kwesibingelelo, bayikhuphele ngaphandle kwelali.

5 Baya kuzithatha ezo zidumbu, bazithwala bezibambe ngezambatho, bazisa ngaphandle kwelali njengoko wayetshilo kubo uMosis.

6 UMosis ubhekise kuAron nakoonyana bakhe uElazare noItamare, wathi: “Musani ukubazilela aba bangasekhoyo. Musani ukuziyeka iinwele zenu zingachazwanga, ningazikrazuli nezambatho zenu hleze nife, abe ke uNdikhoyo angaliqumbela ibandla liphela. Kambe ke onke amanye amaSirayeli wona angayizilela le ntlekele yokufa kwaba bantu ngomlilo othunyelwe nguNdikhoyo.

7 Maze nina ningasuki esangweni lesibingelelo, hleze nife, kuba nâhlulelwa uNdikhoyo ngokuthanjiswa.” Benjenjalo ke.

Imimiselo elawula ababingeleli

8 *UNdikhoyo wabhekisa kuAron, wathi:

9 “Wena noonyana bakho nize ningangeni *esibingelelweni xa benisele. Niya kufa ukuba niyenzile loo nto. Lo mthetho uze uthotyelwe nazizizukulwana.

10 Nize nicalule phakathi kwento eyahlulelwe uThixo nento engahlulelwanga yena, naphakathi kwento *enomlaza nento engenamlaza.

11 AmaSirayeli ze niwafundise yonke imimiselo endaninika yona ngoMosis.”

12 UMosis wabhekisa kuAron nakoonyana bakhe abaseleyo, uElazare noItamare, wathi: “Ukutya okuseleyo kumnikelo obusenzelwa uNdikhoyo ze nikuthathe nenze izonka ezinganyuswanga, nizityele phaya ngaseqongeni. Kaloku lo ngumnikelo ongcwele.

13 Nize nizityele endaweni ekhethekileyo; sisabelo senu eso esithathwa kwiminikelo eyenzelwa uNdikhoyo ngomlilo. Loo nto yathethwa kum nguNdikhoyo.

14 Nina noonyana neentombi zenu ningayitya incum ewanga-wangisiweyo kwanomlenze onikelwe kuThixo. Ningazityela naphi na apho kungekho *mlaza. Esi sabelo siyinxaxheba yenu kunye nabantwana benu evela kumadini obudlelane anikelwa ngamaSirayeli kuNdikhoyo.

15 Kufuneka le ncum nalo mlenze beze nazo kanye ngexesha kusondezwa iminikelo yamanqatha eyenzelwa uNdikhoyo ngomlilo. Ezi nyama ziya kusoloko zisisabelo senu, kunye nabantwana benu, njengoko etshilo uNdikhoyo.”

16 UMosis watsho ebuza ukuba iye ngaphi na ibhokhwe yedini lokucamagushela isono. Waxelelwa ukuba nayo selitshisiwe. Loo nto yamcaphukisa,

17 watsho wathi kuElazare noItamare: “Kutheni ningayityelanga kule ndawo ikhethekileyo nje inyama yedini lokucamagusha? Kaloku yinyama engaphumiyo; niyinikwa nguNdikhoyo ukuze nicamagushele ibandla.

18 Kaloku igazi layo lingangeniswanga nje esibingelelweni phakathi, bekufuneka niyityele endaweni ekhethekileyo, njengoko bendiniyalele.”

19 UAron waphendula wathi: “Kaloku namhlanje sizise idini lokucamagushela izono kunye nelethu elitshiswayo. Kambe ke uyayiqonda le ntlekele ihlileyo namhlanje! Xa besiyityile ke namhlanje inyama yeli dini ibingamkholisa njani uNdikhoyo loo nto?”

20 UMosis akuyiva loo nto waxola.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18