Eyonqulo 11 XHO96

Inyama enokutyiwa nemayingatyiwa

1 *UNdikhoyo wanika uMosis noAron le miyalelo,

2-3 ukuba bayigqithisele kumaSirayeli: “Kuzo zonke izilwanyana ezihamba emhlabeni zingátyiwa ezineempuphu ezicandekileyo kananjalo zisetyisa.

4-6 Kodwa zona iinkamela, neembila, nemivundla, mazingatyiwa. Ewe kambe ziyetyisa, kodwa iimpuphu zazo azicandekanga.

7 Inyama yehagu mayingatyiwa. Kaloku ihagu ineempuphu ezicandekileyo, kodwa ayetyisi.

8 Inyama yezinto ezinjalo maningayityi, ningazichukumisi naxa zifileyo, kuba *zinomlaza.”

9 Kwezasemanzini ningazitya zonke iintlanzi ezinamaphiko okugwedla namaxolo.

10 Kodwa ke nantoni na engenamaphiko namaxolo ehlala emanzini ze ningayityi.

11 Ezinjalo azityiwa; musani ukuzichukumisa naxa zifile.

12 Nayiphi na into esemanzini engenamaphiko namaxolo inezothe.

13-19 Mazingatyiwa ezi ntlobo zeentaka: oomakhozi, oozikhova, oontloyiya, oozilwangangubo, oozintsikizi, oomaxhalanga, oonomyayi, oozinciniba, ookhwalimanzi, oozingwamza, oozintambanane, oozingcwangube, oomangaba-ngaba, oobhobhoyi, oomalulwane.

20 Zonke izinambuzane ezizitho zine eziphaphayo azityiwa,

21 ngaphandle kwezo zitaka-takayo.

22 Ezinjengeenkumbi, nootseki-tselu, nomqhathu, ziyatyiwa zona.

23 Kodwa zonke ezinye izinambuzane eziphaphayo, ezirhoqozayo, azityiwa.

24-28 Umntu ochukumise ezi zinto xa zifile woba nomlaza kude kutshone ilanga: iinyamakazi ezineempuphu, ngaphandle kwezo zineempuphu ezicandekileyo, zetyisayo nokwetyisa, kunye nezo zizitho zine zinamathupha. Umntu othe waphatha ezi zinto xa zifile, makahlambe impahla, kodwa woba nomlaza kude kube kutshone ilanga.

29-30 Kwezirhubuluzayo nazi ezingatyiwayo: iintuku, amabuzi, iimpuku, oomacikilishe, ooxam, noomalovane.

31 Umntu othe waziphatha nokuba zifile, woba nomlaza kude kutshone ilanga.

32 Xa kukho into ethe yawelwa zezo zinto xa zifile, yoba nomlaza nayo. Ndithetha nkqu nezinto ezenziwe ngamaplanga, ngamalaphu, ngethwathwa, okanye ngerhonya, nokuba isetyenziselwa ntoni na loo nto; kufuneka ifakwe emanzini, kodwa liya kude litshone ilanga ingekahlambuluki.

33 Ukuba into efileyo kwezi iwela engqayini, yonke into engaphakathi kuloo ngqayi ayinakutyiwa. Yona ingqayi kufuneka iqhekezwe.

34 Ukutya okugalelwe amanzi akule ngqayi makungatyiwa – kumdaka. Naloo nto iselwayo ibikuloo ngqayi nayo isuka isuleleke.

35 Nantoni na ekuwele kuyo into efileyo kwezi zibaliweyo iba nomlaza; isitovu sodaka, nokuba yimbiza, maziqhekezwe.

36 Kambe wona umthombo nequla azisuleleki xa ziwelwe zezi zinto. Ke yena umntu ozichukumisayo uba nomlaza.

37 Imbewu eza kulinywa ayisuleleki, nokuba idibene nento efileyo kwezi zixeliweyo.

38 Kodwa xa loo mbewu ifakwe emanzini iyasuleleka kukudibana nento efileyo.

39 Xa kufe isilwanyana esityiwayo, umntu osichukumisileyo uba nomlaza kude kutshone ilanga.

40 Nomntu otye inyama yaso, nokuba uyihlambile impahla yakhe, uba nomlaza kude kutshone ilanga. Umntu othe wasithwala sifile isilwanyana kufuneka ayihlambe impahla yakhe, kodwa uba nomlaza kude kutshone ilanga

41-42 Zonke izinambuzane ezirhubuluzayo, nezirhoqozayo, nezinemilenze emine nangaphezulu, zinezothe; mazingatyiwa.

43 Ze ningazifaki umlaza ngokutya ezo zinto.

44 Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu. Yibani ngcwele, kuba mna ndingcwele. Musani ukuzifaka umlaza nangasiphi na isidalwa esirhubuluzayo emhlabeni.

45 NdinguNdikhoyo owanikhupha eJiputa ukuze ndibe nguThixo wenu. Yibani ngcwele, kuba mna ndingcwele.

46 Nango ke umyalelo ophathelele kwizilwanyana, neentaka, nento yonke ehlala emanzini, nezinambuzane.

47 Kufuneka nicalule phakathi kwento ehlambulukileyo nenomlaza, nezinto ezityiwayo nezingàtyiwayo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18