1 *UNdikhoyo wanika uMosis le miyalelo
2 ukuba ayigqithisele kumaSirayeli: Umdlezana emva kokubeleka inkwenkwe woba *nomlaza iintsuku ezisixhenxe, kanye njengoko aba njalo xa esexesheni.
3 Ngosuku lwesibhozo usana olo kufuneka lwaluswe.
4 Kodlula amashumi amathathu anantathu eentsuku ngaphambi kokuba loo mdlezane ahlambuluke ekopheni. Kufuneka angaphathi nanye into eyahlulelwe uThixo, angasondeli nokusondela *esibingelelweni kude kuphele ixesha lokuhlanjululwa kwakhe.
5 Umdlezana emva kokubeleka intombazana woba nomlaza iintsuku ezilishumi elinane, kanye njengoko aba njalo xa esexesheni. Kodlula amashumi amathandathu anantandathu eentsuku ngaphambi kokuba ahlambuluke ekopheni.
6 Lakufika ixesha lokuhlanjululwa kwakhe, nokuba ebebeleke inkwenkwe okanye intombazana, kufuneka ase itakane elinonyaka kumbingeleli ekungeneni kwesibingelelo, eliza kuba lidini elitshiswayo, kunye nevukuthu okanye ihobe lokwenza idini lokucamagushela isono.
7 Umbingeleli wolinikela idini elo kuNdikhoyo, aze loo mdlezane ahlambuluke ekopheni. Nantso ke into emayenziwe ngumdlezana, nokuba ubeleke inkwenkwe okanye intombi.
8 Ukuba loo mdlezana akanako ukuzisa itakane, makeze namahobe amabini okanye amavukuthu amabini. Elinye loba leledini elitshiswayo, elinye libe lelokucamagushela isono. Ngokwenjenjalo umbingeleli uya kumcamagushela, aze loo mdlezana ahlambuluke.