Eyonqulo 13 XHO96

Izigulo zolusu nenkqubo ephathelelene nazo

1 Nantsi inkqubo eyanikwa uMosis *nguNdikhoyo:

2 Xa kukho umntu onesilonda, nokuba lithumba, nokuba kukujaduka okungahle kube sisifo solusu esosulelayo, loo mntu kufuneka asiwe kumbingeleli womlibo ka-Aron.

3 Wosixilonga eso silonda umbingeleli. Ukuba ke ubhaqe uboya sebujike bamhlophe, ukanti nesilonda eso ukubhidla kwaso kube nzulu kunolusu olungaphandle, eso silonda ke senziwa sisifo esosulelayo, iqhenqa. Umbingeleli ke uya kwazisa ukuba loo mntu *unomlaza.

4 Ukanti ke ukuba eso sisilonda nje, saye singenzulu kunolusu, noboya bungajikanga baba mhlophe, umbingeleli womgcina bucala loo mntu iintsuku zibe sixhenxe angadibani nabanye.

5 Wophinda amxilonge emva kwezo ntsuku, kuthi ke xa umbingeleli ebona ukuba eso silonda asibhidlanga, sisenjengakuqala, aphinde amgcine bucala kwaesinye isixhenxe seentsuku.

6 Wobuya amxilonge umbingeleli kwakhona emva koko, kuthi ke ukuba eso silonda sirhawukile endaweni yokubhidla, azise ke ukuba loo mntu akanamlaza, uhlambulukile. Loo mntu ke kufuneka ahlambe impahla yakhe, ukuze angabi namlaza.

7 Kodwa ukuba emva koko isilonda sithe sabhidla, kufuneka aye kwakumbingeleli loo mntu kwakhona.

8 Wophinda amxilonge umbingeleli, kuthi ukuba eso silonda siyabhidla, umbingeleli azise ukuba loo mntu unomlaza, unesifo esosulelayo, iqhenqa.IsiHebhere sibiza iqhenqa nezinye iintlobo zezifo zolusu ngegama elinye. Eli gama lidla ngokutolikwa ngeqhenqa, nangona lingathethi lona kuphela.

9 Xa kukho umntu onesifo solusu esosulelayo, kufuneka asiwe kumbingeleli

10 oya kuthi amxilonge. Xa eso silonda saloo mntu sivuthiwe, sinobubovu, sijike noboya baba mhlophe,

11 loo mntu unesifo esibi solusu. Uya kuthi ke umbingeleli azise ukuba lowo unomlaza. Onjalo akayi kuba saba phantsi komgqaliselo, kuba kwaziwa phandle ukuba unomlaza.

12 Xa eso sifo solusu sinwenwe sada sathi gqume wonke umzimba,

13 umbingeleli kufuneka amxilonge lowo. Xa ebona ukuba isifo simthe gqume wonke umzimba, uya kuvakalisa ebantwini ukuba loo mntu akasenawo umlaza ngoku. Ukuba ulusu lwakhe luthe lwajika lwamhlophe, loo mntu uhlambulukile.

14 Kodwa ukuba kuthe kwavela isilonda, usuka kwangoko abe nomlaza.

15 Kufuneka aphinde umbingeleli amxilonge, aze athi akufumana isilonda, azise ukuba loo mntu ubuye wanomlaza. Isilonda sixela isifo solusu esosulelayo; umntu onaso ke unomlaza.

16 Xa sibuye saphola ke isilonda eso, lwaba mhlophe ulusu, loo mntu kufuneka aye kumbingeleli.

17 Umbingeleli uphinda amxilonge. Ukuba ke isilonda eso sikhe samhlophe, umlaza uphelile, umbingeleli kufuneka ukuba azise ukuba loo mntu uhlambulukile.

18 Xa kukho umntu obe nethumba, laza laphila,

19 kuze kuthi kamva kubekho indawo emhlophe ethe fuku, okanye kuvele indawo ebubomvu-bumhlophe kulaa ndawo ibe inethumba, loo mntu kufuneka aye kumbingeleli.

20 Umbingeleli womxilonga, kuthi ke ukuba loo ndawo idumbileyo inzulu kunolusu lwangaphandle, noboya bujike baba mhlophe, kufuneke ke ukuba umbingeleli azise ukuba loo mntu unomlaza. Laa nto iqale ngethumba sisifo solusu esosulelayo.

21 Kodwa xa athe umbingeleli wabona ukuba kuloo ndawo idumbileyo abujikanga baba mhlophe uboya, yaye ayinzulu kugqitha ulusu lwangaphandle, yaye irhawukile, womgcina bucala loo mntu iintsuku zibe sixhenxe.

22 Ukuba loo ndawo ithe yabhidla, umbingeleli wokwazisa ukuba loo mntu unomlaza, kuba unesifo esosulelayo.

23 Kodwa ukuba loo ndawo ihlala injengoko ibinjalo, ingabhidli nokubhidla, isisiva nje sethumba, uya kwazisa ukuba loo mntu akanamlaza, uhlambulukile.

24 Xa umntu ebetshile, size isilonda sivuthwe sibe nobubovu, singarhawuki,

25 kufuneka loo mntu axilongwe ngumbingeleli. Ukuba kufumaneka ukuba uboya bumhlophe, yaye nesilonda sibhidle saba nzulu kunolusu lwangaphandle, loo nto ivele ngokutsha, sisifo esosulelayo solusu. Makazise umbingeleli ukuba loo mntu unomlaza.

26 Kambe ke xa uboya bungajikanga baba mhlophe, nesilonda singenzulu kunolusu lwangaphandle, yaye sirhawukile, loo mntu makagcinwe bucala iintsuku zibe sixhenxe.

27 Ngomhla wesixhenxe umbingeleli wobuya amxilonge, kuthi ke ukuba siyabhidla isilonda, kube ke loo mntu uneso sifo solusu soyikekayo, aze ke umbingeleli azise ukuba loo mntu unesifo esibangela umlaza.

28 Kodwa ukuba eso silonda asibhidlanga, sihleli sinjengoko besinjalo, yaye sirhawukile, ayisiso ke isifo solusu esosulelayo. Umbingeleli uya kwazisa ukuba loo mntu akanamlaza; into anayo sisilonda nje esenziwe kukutsha.

29 Ukuba kukho indoda nokuba ngumfazi othe wanesilonda entloko okanye esilevini,

30 eso silonda masixilongwe ngumbingeleli. Ukuba eso silonda sinzulu kunolusu lwangaphandle, yaye noboya bujike baba mhlophe-bumthubi, eso silonda sibangwa sisifo solusu esosulelayo. Loo mntu ke kuya kwaziswa ukuba unomlaza.

31 Xa kuthe akuxilongwa kwafunyanwa isilonda eso singenzulu kunolusu lwangaphandle, kodwa bona uboya bube bujikile ibala, kuya kufuneka agcinwe bucala iintsuku zibe sixhenxe.

32 Wobuya asixilonge ke eso silonda umbingeleli ngosuku lwesixhenxe, kuthi ke ukuba asibhidlanga, noboya bungajikanga ibala, yaye singenzulu kunolusu lwangaphandle,

33 loo mntu kufuneka achebe ashiye loo ndawo inesilonda. Aze ke umbingeleli aphinde amgcine bucala ezinye iintsuku ezisixhenxe.

34 Wobuya amxilonge ngosuku lwesixhenxe, sithi ke ukuba asibhidlanga isilonda, singenzulu kunolusu lwangaphandle, azise ke umbingeleli ukuba loo mntu uhlambulukile, akanamlaza. Loo mntu kufuneka ahlambe izambatho zakhe, ukuze ahlambuluke.

35 Xa sibhidla isilonda emva kokuba kuthiwe akanamlaza,

36 umbingeleli wobuya amxilonge. Xa sibhidlile isilonda akukho mfuneko yakukhangela ukuba ngaba noboya bujikile na; kucacile ukuba loo mntu unawo umlaza.

37 Xa umbingeleli ebone ukuba asibhidli isilonda, yaye noboya abujikanga bala, nesilonda sirhawukile, uya kwazisa ukuba loo mntu akanawo umlaza.

38 Xa kukho indoda nokuba ngumfazi onamaqhakuva amhlophe emzimbeni,

39 umbingeleli makamxilonge loo mntu. Ukuba loo maqhakuva akacacanga, olo lurhatshalala nje oluvelileyo; loo mntu akanawo umlaza.

40-41 Ukuba umntu ukhuthuke iinwele enqentsu, okanye ebunzi, asingomlaza loo nto.

42 Kodwa ukuba kuloo ndawo ikhuthukileyo kuvele isilonda esinobubovu, loo nto sisifo esoyikekayo solusu.

43 Umbingeleli akuba emxilongile, abone ulusu lufukukile, lunobubovu,

44 kufuneka azise ukuba loo mntu unesifo esosulelayo esisentloko, ngoko ke unomlaza.

45 Umntu onaso esi sifo sosulelayo solusu kufuneka anxibe iimpahla ezidlakadlaka, angazichazi iinwele, aze azigqume ubuso obungezantsi, ahambe ekhwaza esithi: “Ndinomlaza! Ndinomlaza!”

46 Uhlala enomlaza wonke lo gama asagula seso sifo, yaye kufuneka ahlale ngaphandle kwelali, kude nabanye abantu.

Inkqubo mayela nokungunda

47 Xa impahla yoboya nokuba yilinen,

48 okanye ilaphu loboya nokuba yilinen, nokuba lithwathwa okanye into eyenziwe ngethwathwa,

49 ithe yanyepha yaba luhlaza okanye sabubomvu, inomngundane loo nto, mayiboniswe umbingeleli.

50 Umbingeleli woyiphicotha, aze ayibeke bucala iintsuku ezisixhenxe.

51 Wobuya ayijonge ngosuku lwesixhenxe, kuthi ke ukuba kuye kwanwenwa ukungunda, athi loo nto inomlaza.

52 Woyitshisa ke umbingeleli, nokuba yeyiphi kwezi zinto zikhankanyiweyo, kuba kaloku isasaza ukungunda omakutshatyalaliswe.

53 Xa kubonakala ukuba umngundane awunwenwanga kuloo nto,

54 umbingeleli uya kuthi mayihlanjwe, ize ibekwe bucala iintsuku ezisixhenxe.

55 Kuya kuthi ke xa ngaba ukungunda akuphelanga naxa kunganwenwanga, loo nto inomlaza kufuneka itshiswe nokuba ingunde ngaphandle okanye ngaphakathi.

56 Xa athe akuyijonga umbingeleli wafika umngundane uthothile, wowukrazula awususe kuloo nto, nokuba lilaphu, nokuba lithwathwa.

57 Xa kuphinde kwavela ukungunda, umnini-nto makayitshise, kuba kuza kwanda umngundane.

58 Xa athe wayihlamba loo nto, kwaza kwaphela ukungunda, makaphinde ayihlambe, ukuze ingabi namlaza.

59 Nantso ke inkqubo ngokuphathelele empahleni engundileyo, nokuba yeyoboya, nokuba yeyelinen, nokuba yinto eyenziwe ngethwathwa.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18