Eyonqulo 7 XHO96

Amadini entlawulo

1 Le yinkqubo ephathelele kumadini awodwa entlawulo:

2 Ixhoba lokwenza eli dini kufuneka lixhelelwe apho kuxhelelwa khona amadini atshiswayo. Igazi lalo malitshizwe kumacala onke eqonga.

3 Onke amanqatha makakhutshwe abekwe eqongeni: umsila, namanqatha enyama yangaphakathi,

4 izintso kunye namanqatha azo, kwakunye nomhlehlo.

5 Onke loo manqatha umbingeleli makawatshise enzele ngawo *uNdikhoyo umnikelo ngomlilo. Eli ke lidini lokwenza intlawulo.

6 Nayiphi na indoda ephuma kumlibo wababingeleli ingayitya loo nyama. Kodwa kufuneka ityelwe kulaa ndawo ikhethekileyo, kuba kwayona ikhethekile.

7 Inye inkqubo ephathelele kumadini esono nakumadini entlawulo. Loo nyama iba yeyombingeleli owenza idini.

8 Kwanalo ufele lwento yedini elitshiswayo luba lolwaloo mbingeleli wenza idini.

9 Wonke umnikelo wento eziinkozo ebhakiweyo okanye eyenziwe ngepani, okanye egcadiweyo, uba ngowombingeleli lowo ubewunikela.

10 Umnikelo wokutya, nokuba uxutywe namafutha, nokuba womile, woba ngowababingeleli bebonke, yaye ke mabahlulelane ngako ngokulinganayo.

Amadini obudlelane

11 Nantsi inkqubo ephathelele kumadini obudlelane enzelwa *uNdikhoyo:

12 Xa umntu esenza idini lobudlelane ebulela, makeze naloo nto iza kuxhelwa kwakunye nesonka esingenagwele, nokuba sisonka esiqatywe amafutha omnquma, okanye amaqebengwana aqatywe amafutha omnquma, kungenjalo amaqebengwana enziwe ngomgubo oxutywe namafutha omnquma.

13 Kweli dini lobudlelane, elikwalidini lokubulela, kufuneka ongezelele ngezonka ezinegwele.

14 Makanikele ngodidi ngalunye kwezi zonka, azenze umnikelo kuNdikhoyo. Zoba zezombingeleli othe watshiza iqonga ngegazi lamadini obudlelane.

15 Inyama yedini lobudlelane kufuneka ityiwe kwangaloo mini inikelwa ngayo; makungabikho nyama isalayo kude kube ngengomso.

16 Xa umntu enikela idini lobudlelane, egcina isithembiso awasenzayo, okanye ethanda nje ukwenza umnikelo, leyo ke yona inyama akunyanzelekanga ukuba ityiwe iphele ngamini-nye, kodwa eseleyo ingátyiwa ngengomso.

17 Inyama esekhoyo ngosuku lwesithathu kufuneka itshiswe yona.

18 Ukuba ityiwe loo nyama ngosuku lwesithathu, uThixo akayi kulamkela elo dini laloo mntu, kuba lisuke *lanomlaza. Nabani na ke oya kuthi alitye uya kuluthwala uxanduva lwakhe.

19 Xa inyama yedini ithe yadibana nantoni na enomlaza, kufuneka itshiswe ingàtyiwa. Wonke ubani ongenamlaza angayitya inyama yedini elo.

20 Kodwa xa ithe yatyiwa nangumntu onomlaza, lowo makasikwe phakathi kosapho lukaNdikhoyo.

21 Kanti xa umntu athe waphatha into enomlaza, nokuba ngumntu, nokuba sisilwanyana esingatyiwayo, nantoni na enezothe, aze asuke aye kutya idini lobudlelane likaNdikhoyo, loo mntu makasikwe ebantwini bakaNdikhoyo.

22 Ubuye uThixo wanika uMosis le miyalelo

23 amakayigqithisele kumaSirayeli: Akukho manqatha ankomo nagusha nabhokhwe aya kutyiwa mntu.

24 Amanqatha ento efileyo, okanye ebulewe ngamarhamncwa, makangatyiwa. Kambe ke angásetyenziswa ekwenzeni ezinye izinto.

25 Wonke umntu othe watya amanqatha ento ekwenziwa ngayo idini kuNdikhoyo ngomlilo makasikwe kumaSirayeli.

26 Naphi na apho emi khona amaSirayeli makangaze alitye igazi, nokuba leleentaka, nokuba lelezilwanyana.

27 Nabani na olityayo igazi makasikwe kumaSirayeli.

28 Uphindile wathi uNdikhoyo uMosis

29 makagqithisele nale mimiselo kumaSirayeli: Umntu owenza idini lobudlelane makakhuphe isabelo esithile, asinikele kuNdikhoyo,

30 eze naso ngokwakhe, sibe ngumnikelo kuNdikhoyo ngomlilo. Makeze namanqatha aso kunye nencum, aziwanga-wangise zibe ngumnikelo owanga-wangiselwa uNdikhoyo.

31 Loo manqatha umbingeleli wowatshisa apho eqongeni, kodwa yona incum yeyababingeleli.

32-33 Umlenze wasekunene wona woba yinxaxheba yombingeleli obenikela igazi kunye namanqatha elo dini lobudlelane.

34 Incum ewanga-wangisiweyo nalo mlenze wasekunene yinxaxheba emayikhutshelwe ababingeleli ngamaSirayeli ngalo lonke ixesha.

35 Le yinxaxheba kaNdikhoyo eyaxhanyulwa nguAron nangoonyana bakhe mhla bamiselwa ebubingelelini.

36 Ngaloo mini yokuthanjiswa kwababingeleli uNdikhoyo wathi amaSirayeli makakhuphe eso sabelo sedini sibe yinxaxheba yabo. Lo ngummiselo omawuhlale uhleli.

37 Nantso ke imiyalelo yaxa kusenziwa amadini atshiswayo, nawokutya, nawokungxengxezela izono, kunye nawentlawulo, amadini okumisela ababingeleli, kwakunye nawobudlelane.

38 Kwakusentabeni iSinayi entlango ngamhla uNdikhoyo wayinika uMosis le miyalelo yokwenziwa kwamadini ngamaSirayeli.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18