Eyonqulo 17 XHO96

Indawo emakuxhelelwe kuyo

1 *UNdikhoyo wathi uMosis

2 makagqithisele le mimiselo kuAron nakoonyana bakhe nakumaSirayeli ephela:

3-4 UmSirayeli oxhela inkomo nokuba yigusha nokuba yibhokhwe, eyixhelela elalini okanye nakuyiphi na enye indawo, waphula umthetho xa loo nto angayenzeli ngasesangweni *lesibingelelo. Umntu ongawuthobelanga lo mmiselo wofana nomntu ophalaze igazi, yaye uya kusikwa kumaSirayeli.

5 Intsingiselo yalo mthetho kukuba amaSirayeli awazise kuNdikoyo loo madini ebekade ewaxhelela naphi na. Onke amadini makaziswe kumbingeleli ngasesangweni lesibingelelo, abe ngamadini obudlelane.

6 Umbingeleli uya kutshiza ngegazi elo kumacala onke eqonga ekungeneni kwesibingelelo, aze amanqatha awatshise enzele uNdikhoyo ivumba elimyoli.

7 AmaSirayeli makangaphindi anganyaniseki kuNdikhoyo ngokuxhelela naphi na, esenzela iindimoni amadini. Esi sithethe amaSirayeli makangaze asityeshele.

8 UmSirayeli okanye umngeneleli othe wenzela uNdikhoyo idini elitshiswayo, okanye naliphi na elinye idini,

9 ongalenzelanga uNdikhoyo ngasesangweni lesibingelelo, loo mntu kufuneka asikwe ebantwini bakaThixo.

Ukuxabiseka kwegazi

10 UmSirayeli okanye umngeneleli othe watya inyama yento engophanga, *uNdikhoyo womfulathela, angabi nabudlelane naye.

11 Igazi bubomi bayo nayiphi na into ephilayo. Yiyo ke loo nto uNdikhoyo ayalela ukuba kungxengxezelwe ngalo izono zabantu eqongeni. Igazi libubomi, licamagushela izono.

12 Yiyo ke loo nto uNdikhoyo athe amaSirayeli nabangeneleli maze bangayityi inyama yento engophanga.

13 Xa kukho umSirayeli okanye umngeneleli othe wazingela wabamba inyamakazi okanye intaka etyiwayo, kufuneka igazi layo alivuzisele emhlabeni, aze aligqumelele ngomhlaba.

14 Kaloku igazi libubomi bayo yonke into ephilayo. Kungenxa yoko ke uNdikhoyo athe kumaSirayeli makangayityi inyama yento engophanga, yaye nabani na oyityayo uya kusikwa ebantwini bakaThixo.

15 UmSirayeli okanye umngeneleli othe watya inyama yento efileyo, okanye ebulewe ngamarhamncwa, kufuneka ahlambe iimpahla, ahlambe nomzimba, alinde kutshone ilanga, ukuze uphele *umlaza.

16 Ukuba akayenzi loo nto, aze aqonde ukuba isala-kutyelwa sibona ngolophu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18