13 Le nkunzi yegusha enonyaka woyinqumlela kulaa ndawo ikhethekileyo kuxhelelwa kuyo izinto zokwenza amadini okucamagushela isono natshiswayo. Kufuneka enjenjalo, kuba kaloku idini lentlawulo lidini elilodwa, elisisabelo sombingeleli, njengoko linjalo idini lokucamagushela isono.