13 Umntu onikelayo yena uya kuhlamba izibilini kwakunye namanqina elo dini, aze yena umbingeleli alitshise lonke apho eqongeni. Eli lidini elitshiswayo. Litshiswa ngomlilo, litsho ngevumba elithandekayo kuNdikhoyo.
14 “Ukuba yintaka ekwenziwa ngayo idini elitshiswayo, mayibe lihobe okanye ivukuthu.
15 Umbingeleli wolisondeza eqongeni, aliqhawule intamo, alitshise apho eqongeni. Igazi lona uya kulophisela apho ecaleni leqonga.
16 Wolikhupha indlelo, ayilahle kunye neentsiba kwicala elingasempumalanga kweqonga, apho kulahlwa khona uthuthu,
17 andule ukulibamba ngamaphiko, aliqhaqhe, kodwa angalikrazuli kubini; athi emva koko alitshise lonke apho eqongeni. Eli lidini elitshiswayo. Litshiswa ngomlilo, litsho ngevumba elithandekayo kuNdikhoyo.”