4 Loo mntu ke uya kubeka isandla sakhe entloko kuloo nkomo, yaye ke iya kwamkeleka ibe lidini lokumcamagushela.
5 Loo nkunzi iya kuxhelelwa apho phambi kukaNdikhoyo, baze ababingeleli bomlibo ka-Aron balisondeze kuNdikhoyo igazi layo, babuye batshize ngalo amacala onke eqonga lamadini elisekungeneni kwesibingelelo.
6 Loo mntu uya kubuya ayihlinze inkomo leyo, ayihlahle,
7 baze bona ababingeleli baphembe umlilo eqongeni, babekelele iinkuni phezu kwawo.
8 Baya kuthatha iinyama ezo, kunye nentloko, kwakunye namanqatha, bazibeke emlilweni apho.
9 Umntu lowo yena makahlambe izibilini namanqina enkomo leyo, aze yena umbingeleli alitshise lonke elo dini phezu kweqonga. Eli lidini elitshiswayo. Litshiswa ngomlilo, litsho ngevumba elithandekayo kuNdikhoyo.
10 “Ukuba into ekwenziwa umnikelo ngayo yigusha okanye yibhokhwe, mayibe liduna elingenasiphako.