6 Loo mntu uya kubuya ayihlinze inkomo leyo, ayihlahle,
7 baze bona ababingeleli baphembe umlilo eqongeni, babekelele iinkuni phezu kwawo.
8 Baya kuthatha iinyama ezo, kunye nentloko, kwakunye namanqatha, bazibeke emlilweni apho.
9 Umntu lowo yena makahlambe izibilini namanqina enkomo leyo, aze yena umbingeleli alitshise lonke elo dini phezu kweqonga. Eli lidini elitshiswayo. Litshiswa ngomlilo, litsho ngevumba elithandekayo kuNdikhoyo.
10 “Ukuba into ekwenziwa umnikelo ngayo yigusha okanye yibhokhwe, mayibe liduna elingenasiphako.
11 Leyo makayixhelele kwicala elingasentla leqonga phambi kukaNdikhoyo, baze oonyana baka-Aron, ababingeleli, balitshize igazi kumacala onke eqonga.
12 Yakuba ihlahliwe, umbingeleli wozibeka emlilweni oseqongeni zonke ezo nyama, ndawonye nentloko kunye namanqatha.