14 Nina noonyana neentombi zenu ningayitya incum ewanga-wangisiweyo kwanomlenze onikelwe kuThixo. Ningazityela naphi na apho kungekho *mlaza. Esi sabelo siyinxaxheba yenu kunye nabantwana benu evela kumadini obudlelane anikelwa ngamaSirayeli kuNdikhoyo.
15 Kufuneka le ncum nalo mlenze beze nazo kanye ngexesha kusondezwa iminikelo yamanqatha eyenzelwa uNdikhoyo ngomlilo. Ezi nyama ziya kusoloko zisisabelo senu, kunye nabantwana benu, njengoko etshilo uNdikhoyo.”
16 UMosis watsho ebuza ukuba iye ngaphi na ibhokhwe yedini lokucamagushela isono. Waxelelwa ukuba nayo selitshisiwe. Loo nto yamcaphukisa,
17 watsho wathi kuElazare noItamare: “Kutheni ningayityelanga kule ndawo ikhethekileyo nje inyama yedini lokucamagusha? Kaloku yinyama engaphumiyo; niyinikwa nguNdikhoyo ukuze nicamagushele ibandla.
18 Kaloku igazi layo lingangeniswanga nje esibingelelweni phakathi, bekufuneka niyityele endaweni ekhethekileyo, njengoko bendiniyalele.”
19 UAron waphendula wathi: “Kaloku namhlanje sizise idini lokucamagushela izono kunye nelethu elitshiswayo. Kambe ke uyayiqonda le ntlekele ihlileyo namhlanje! Xa besiyityile ke namhlanje inyama yeli dini ibingamkholisa njani uNdikhoyo loo nto?”
20 UMosis akuyiva loo nto waxola.