4 UMosis ubize uMishayeli kunye noElizafan, oonyana bakaUziyeli, uyisekazi ka-Aron, wathi kubo mabaye kuthatha imizimba yabantakwabo, bayisuse phambi *kwesibingelelo, bayikhuphele ngaphandle kwelali.
5 Baya kuzithatha ezo zidumbu, bazithwala bezibambe ngezambatho, bazisa ngaphandle kwelali njengoko wayetshilo kubo uMosis.
6 UMosis ubhekise kuAron nakoonyana bakhe uElazare noItamare, wathi: “Musani ukubazilela aba bangasekhoyo. Musani ukuziyeka iinwele zenu zingachazwanga, ningazikrazuli nezambatho zenu hleze nife, abe ke uNdikhoyo angaliqumbela ibandla liphela. Kambe ke onke amanye amaSirayeli wona angayizilela le ntlekele yokufa kwaba bantu ngomlilo othunyelwe nguNdikhoyo.
7 Maze nina ningasuki esangweni lesibingelelo, hleze nife, kuba nâhlulelwa uNdikhoyo ngokuthanjiswa.” Benjenjalo ke.
8 *UNdikhoyo wabhekisa kuAron, wathi:
9 “Wena noonyana bakho nize ningangeni *esibingelelweni xa benisele. Niya kufa ukuba niyenzile loo nto. Lo mthetho uze uthotyelwe nazizizukulwana.
10 Nize nicalule phakathi kwento eyahlulelwe uThixo nento engahlulelwanga yena, naphakathi kwento *enomlaza nento engenamlaza.