6 UMosis ubhekise kuAron nakoonyana bakhe uElazare noItamare, wathi: “Musani ukubazilela aba bangasekhoyo. Musani ukuziyeka iinwele zenu zingachazwanga, ningazikrazuli nezambatho zenu hleze nife, abe ke uNdikhoyo angaliqumbela ibandla liphela. Kambe ke onke amanye amaSirayeli wona angayizilela le ntlekele yokufa kwaba bantu ngomlilo othunyelwe nguNdikhoyo.
7 Maze nina ningasuki esangweni lesibingelelo, hleze nife, kuba nâhlulelwa uNdikhoyo ngokuthanjiswa.” Benjenjalo ke.
8 *UNdikhoyo wabhekisa kuAron, wathi:
9 “Wena noonyana bakho nize ningangeni *esibingelelweni xa benisele. Niya kufa ukuba niyenzile loo nto. Lo mthetho uze uthotyelwe nazizizukulwana.
10 Nize nicalule phakathi kwento eyahlulelwe uThixo nento engahlulelwanga yena, naphakathi kwento *enomlaza nento engenamlaza.
11 AmaSirayeli ze niwafundise yonke imimiselo endaninika yona ngoMosis.”
12 UMosis wabhekisa kuAron nakoonyana bakhe abaseleyo, uElazare noItamare, wathi: “Ukutya okuseleyo kumnikelo obusenzelwa uNdikhoyo ze nikuthathe nenze izonka ezinganyuswanga, nizityele phaya ngaseqongeni. Kaloku lo ngumnikelo ongcwele.