47 Xa impahla yoboya nokuba yilinen,
48 okanye ilaphu loboya nokuba yilinen, nokuba lithwathwa okanye into eyenziwe ngethwathwa,
49 ithe yanyepha yaba luhlaza okanye sabubomvu, inomngundane loo nto, mayiboniswe umbingeleli.
50 Umbingeleli woyiphicotha, aze ayibeke bucala iintsuku ezisixhenxe.
51 Wobuya ayijonge ngosuku lwesixhenxe, kuthi ke ukuba kuye kwanwenwa ukungunda, athi loo nto inomlaza.
52 Woyitshisa ke umbingeleli, nokuba yeyiphi kwezi zinto zikhankanyiweyo, kuba kaloku isasaza ukungunda omakutshatyalaliswe.
53 Xa kubonakala ukuba umngundane awunwenwanga kuloo nto,