54 umbingeleli uya kuthi mayihlanjwe, ize ibekwe bucala iintsuku ezisixhenxe.
55 Kuya kuthi ke xa ngaba ukungunda akuphelanga naxa kunganwenwanga, loo nto inomlaza kufuneka itshiswe nokuba ingunde ngaphandle okanye ngaphakathi.
56 Xa athe akuyijonga umbingeleli wafika umngundane uthothile, wowukrazula awususe kuloo nto, nokuba lilaphu, nokuba lithwathwa.
57 Xa kuphinde kwavela ukungunda, umnini-nto makayitshise, kuba kuza kwanda umngundane.
58 Xa athe wayihlamba loo nto, kwaza kwaphela ukungunda, makaphinde ayihlambe, ukuze ingabi namlaza.
59 Nantso ke inkqubo ngokuphathelele empahleni engundileyo, nokuba yeyoboya, nokuba yeyelinen, nokuba yinto eyenziwe ngethwathwa.