21 Xa ngaba loo mntu ulihlwempu, yaye engenako ukwenza ngenye indlela, kufuneka eze nenkunzi yegusha yokwenza idini lentlawulelo. Eli lidini eliwanga-wangiswa phambi koNdikhoyo ukucamagushela umntu lowo. Kufuneka aphathe nekhilogram enye yomgubo wengqolowa oxutywe namafutha omnquma aza kuba ngumnikelo wokutya, kwakunye namafutha omnquma anganeno kwesiqingatha selitha.
22 Kufuneka kwakhona eze namahobe amabini okanye amavukuthu amabini. Elinye loba leledini lokucamagushela isono, elinye libe leledini elitshiswayo.
23 Uya kuza nazo ezi zinto ngomhla wesibhozo kumbingeleli, umhla wokuhlanjululwa kwakhe, ekungeneni kwesibingelelo phambi koNdikhoyo.
24 Umbingeleli wothatha igusha yedini lentlawulelo, kunye namafutha omnquma, aziwanga-wangise phambi koNdikhoyo.
25 Kufuneka ayinqumle igusha leyo, aze athi ngentwana yegazi layo atyikile indlebe yasekunene yaloo mntu, nobhontsi wasekunene, kunye nosithupha wasekunene,
26 aze agalele intwana yamafutha esandleni sakhe sasekhohlo,
27 athi nkxu kuwo umnwe wesandla sakhe sokunene, aze afefe isibingelelo ngalo kasixhenxe,