11 Xa laa ndoda inomlaza ithe yabamba umntu ingazihlambanga izandla zayo, loo mntu yena usulelekile. Kufuneka ahlambe impahla, ahlambe nomzimba. Wohlala enomlaza naye kude kutshone ilanga.
12 Kufuneka iqhekezwe ingqayi ethe yaphathwa nguloo mfo uvuzayo, size sona isitya esenziwe ngomthi sihlanjwe.
13 Yakuba le ndoda iphilile, kufuneka ilinde iintsuku zibe sixhenxe, yandule ke ukuya kuhlamba impahla, ize ihlambe nomzimba kumanzi abalekayo, ukuze usuke umlaza.
14 Ngosuku lwesibhozo kufuneka ise kumbingeleli amahobe amabini okanye amavukuthu ngasesangweni *lesibingelelo phambi koNdikhoyo.
15 Umbingeleli ke yena wonikela elinye libe lidini lesono, lize elinye libe lidini elitshiswayo. Uya kwenjenjalo ke ukucamagushela loo mntu.
16 Xa kukho indoda ethe yazingcolisa ngobudoda, kufuneka ihlambe umzimba. Yohlala inomlaza kude kutshone ilanga.
17 Impahla ethe yathontsizelwa yangcola, nokuba yeyesikhumba, kufuneka ihlanjwe, yaye yohlala inomlaza kude kutshone ilanga.