2 uNdikhoyo wathi kuMosis: “Yithi kumntakwenu uAron makangafan' angene nje emva komkhusane kwelona gumbi lingcwele, kuba kulapho ndibonakala khona elifini ngaphezu kwesivalo sokucamagushela setyesi yomnqophiso. Ukuba uyenzile loo nto uya kufa.
3 Angangena kwelona gumbi lingcwele kuphela xa eza nenkunzana yenkomo yedini lesono kunye nenkunzi yegusha yedini elitshiswayo.”
4 Wathi uNdikhoyo uAron aze enze ezi zinto: UAron ngaphambi kokuba angene kwelona gumbi lingcwele kufuneka ahlambe umzimba, afake izivatho ezizodwa zobubingeleli: ihempe yelinen yangapantsi, ibhulukhwe emfutshane, umbhinqo esinqeni, aze athwale iqhiya.
5 Ibandla lakwaSirayeli lilonke lonikela uAron iinkunzi zeebhokhwe zibe mbini zokwenza idini lesono, kunye nenkunzi yegusha yedini elitshiswayo.
6 Uya kunikela ngenkunzi yenkomo yokungxengxezela izono zakhe kwakunye nomzi wakhe,
7 andule ke asondeze ezaa bhokhwe zimbini ngasesangweni *lesibingelelo phambi koNdikhoyo.
8 Khona apho ke uya kwenza *iqashiso ngamatye amabini, elinye ilitye libhalwe kuthiwe “ibhokhwe kaNdikhoyo” elinye “ibhokhwe ethwaliswa izono.”