1 *UNdikhoyo wayalela uMosis
2 ukuba axelele amaSirayeli athi: “Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu.
3 Sanukulandela imikhwa yabantu baseJiputa, apho benifudula nihlala khona, okanye eyabantu baseKanana, apho ndinisa khona ngoku.
4 Yithobeleni imithetho yam, nenze oko ndiniyalela kona. Ewe, ndim Ndikhoyo uThixo wenu.
5 Nize nihambe ngemimiselo nangemithetho endiza kuniwisela yona; xa niyithobela niya kuphila ngayo. Kutsho mna Ndikhoyo.”
6 UNdikhoyo ke wawisa le mithetho: “Makungabikho ndoda ihlangana nomntu ezalana naye.
7 Uze ungamhlazisi uyihlo ngokuhlangana nonyoko; linyala ukuhlangana nonyoko.