19 “Ungaze uhlangane nomfazi osexesheni, kuba ùya kuxabheleka ngokwenjenjalo.
20 Ungaze uhlangane nomfazi wenye indoda, kuba linyala loo nto.
21 Unganikezeli namnye umntwana wakho abe yinto yokwenzela *uMoleki idini, kuba loo nto inyelisa igama loThixo wakho. Nditsho mna Ndikhoyo.
22 Indoda mayingahlangani nenye indoda iyenze umfazi, kuba lisikizi elo.
23 Makungabikho ndoda okanye umfazi ohlangana nesilwanyana; loo ntlondi ilisikizi.
24 Ze ningazingcolisi ngezi ntlondi, kuba iintlanga zazixabhela ngenxa yezi zinto. Nditsho iintlanga ezazimi kulo mhlaba, ezi ngoku mna Ndikhoyo ndizikhuphayo kuwo ukuze kuhlale nina.
25 Iintlondi zazo zada zaxabhela nomhlaba lo, ngoku ke ndiwenze ukuba ubabukule abantu ababewumile.