22 Indoda mayingahlangani nenye indoda iyenze umfazi, kuba lisikizi elo.
23 Makungabikho ndoda okanye umfazi ohlangana nesilwanyana; loo ntlondi ilisikizi.
24 Ze ningazingcolisi ngezi ntlondi, kuba iintlanga zazixabhela ngenxa yezi zinto. Nditsho iintlanga ezazimi kulo mhlaba, ezi ngoku mna Ndikhoyo ndizikhuphayo kuwo ukuze kuhlale nina.
25 Iintlondi zazo zada zaxabhela nomhlaba lo, ngoku ke ndiwenze ukuba ubabukule abantu ababewumile.
26-27 Bawenza la manyala onke, baza balingcolisa elo zwe; ke nina maze niwatyeshele. Nditsho kuni nonke, maSirayeli kunye nabangeneleli, kufuneka le miyalelo yam niyigcine,
28 khon' ukuze ningawuxabheli loo mhlaba ude unibukule njengoko wazibukulayo iintlanga ebezihlala kuwo ngaphambi kwenu.
29 Yazini ukuba uyasikwa ebantwini bakaNdikhoyo nabani na owenza la masikizi.”