4 Yithobeleni imithetho yam, nenze oko ndiniyalela kona. Ewe, ndim Ndikhoyo uThixo wenu.
5 Nize nihambe ngemimiselo nangemithetho endiza kuniwisela yona; xa niyithobela niya kuphila ngayo. Kutsho mna Ndikhoyo.”
6 UNdikhoyo ke wawisa le mithetho: “Makungabikho ndoda ihlangana nomntu ezalana naye.
7 Uze ungamhlazisi uyihlo ngokuhlangana nonyoko; linyala ukuhlangana nonyoko.
8 Uze ungahlazisi uyihlo ngokuhlangana naye nawuphi na kubafazi bakhe.
9 Ungaze uhlangane nodade wenu, nokuba yintombi kayihlo, nokuba yintombi kanyoko, nditsho nokuba ingakhulelanga kowenu.
10 Ungaze uhlangane nomzukulwana wakho; linyala elo.