4 “Ukuba umnikelo wenziwa ngesonka sombhako, masibe sisonka somgubo, singabi nagwele. Kungaba sisonka esikhulu esenziwe ngomgubo oxutywe namafutha omnquma, okanye kube ngamaqebengwana aqatywe ngaloo mafutha.
5 “Ukuba umnikelo wenziwa ngesonka esojiwe ngepani, masibe sesomgubo oxutywe namafutha omnquma, kodwa singabi nagwele.
6 Masiqhekezwe eso sonka, sigalelwe amafutha. Ngumnikelo wokutya ke lowo.
7 “Ukuba umnikelo wenziwa ngesonka esiphekiweyo, masibe sesomgubo oxutywe namafutha omnquma.
8 “Umnikelo wokutya mawusondezwe kuNdikhoyo, unikwe umbingeleli, awuse eqongeni.
9 Uya kwandula umbingeleli ukuthatha intwana engumqondiso wokuba unikelwa kuNdikhoyo, ayitshise apho eqongeni. Lo ngumnikelo womlilo. Ivumba ledini lomlilo liyathandeka kuNdikhoyo.
10 Okuseleyo kuloo mnikelo kokuka-Aron noonyana bakhe; kaloku kukutya okukodwa, kuba kuthathwe kukutya okunikelwe kuNdikhoyo ngomlilo.