1 “Xa kukho umntu onikela ngenkomo ukuba kwenziwe ngayo idini lobudlelane, loo nkomo mayibe yinkunzi okanye imazi engenasiphako.
2 Loo mntu unikelayo makabeke isandla phezu kwentloko yaloo nkomo, aze ayihlabe apho esangweni *lesibingelelo *sikaNdikhoyo. Ababingeleli bomlibo ka-Aron bona bothi tshize ngegazi elo kumacala onke eqonga.
3 Kweli dini lobudlelane mabenze umnikelo womlilo ngezi nyama: onke amanqatha enyama yangaphakathi,
4 izintso namanqatha azo, nomhlehlo oya kususwa kunye nezintso ezo.