1 *UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba
2 makabhekise kumaSirayeli lo mlomo uthi xa kukho bani wonileyo, waphula imimiselo kaNdikhoyo engenzi ngabom, kufuneka alandele le miyalelo.
3 Xa ingumbingeleli othanjisiweyo lowo wenze isono, aze ngokwenjenjalo azisele abantu ityala, yena uya kunikela ngethole lenkunzi yenkomo elingenasiphako, enze ngalo idini lokungxengxezela isono sakhe kuNdikhoyo.
4 Loo nkunzi uya kuyisa ngasekungeneni *kwesibingelelo, ayibeke isandla entloko, aze ayihlabele apho phambi koNdikhoyo,