11 Kodwa sona isikhumba nayo yonke inyama, intloko namanqina, nezibilini kwakunye namathumbu, oko kukuthi yonke inyama enganikelwanga kuNdikhoyo,
12 uya kuyikhuphela ngaphandle kwelali, azise kulaa ndawo ikhethekileyo apho kulahlwa khona uthuthu, azitshisele apho ngomlilo weenkuni.
13 Xa kone ibandla lakwaSirayeli liphela, lize ke libe netyala lokwaphula ummiselo kaNdikhoyo lingaqondanga,
14 kuya kuthi nje ukuba sazeke eso sono, kufuneke umzi uze nethole lenkunzi yenkomo yedini lokungxengxeza. Loo nkomo iya kuqhutyelwa esibingelelweni,
15 apho ziya kuthi phambi koNdikhoyo iinkokheli zomzi ziyibeke izandla entloko, ize ihlatywe.
16 Umbingeleli othanjisiweyo uya kuthatha inxenye yelo gazi, angene nalo ngaphakathi esibingelelweni,
17 athi nkxu umnwe kulo, aze atshize ngalo kasixhenxe phambi koNdikhoyo nganeno komkhusane wegumbi eliyingcwele kangcwele.