2 makabhekise kumaSirayeli lo mlomo uthi xa kukho bani wonileyo, waphula imimiselo kaNdikhoyo engenzi ngabom, kufuneka alandele le miyalelo.
3 Xa ingumbingeleli othanjisiweyo lowo wenze isono, aze ngokwenjenjalo azisele abantu ityala, yena uya kunikela ngethole lenkunzi yenkomo elingenasiphako, enze ngalo idini lokungxengxezela isono sakhe kuNdikhoyo.
4 Loo nkunzi uya kuyisa ngasekungeneni *kwesibingelelo, ayibeke isandla entloko, aze ayihlabele apho phambi koNdikhoyo,
5 aze ke kwayena athathe igazi layo, angene nalo esibingelelweni.
6 Akuba ethe nkxu umnwe egazini, uya kutshiza ngalo kasixhenxe apho ngaphambi koNdikhoyo nganeno komkhusane wegumbi eliyingcwele kangcwele,
7 andule ukutyikila ngenxalenye yegazi elo iimpondo ezikwiikona zeqonga lesiqhumiso elilapho kwigumbi eliyingcwele, aliphalaze igazi eliseleyo emazantsi eqonga lamadini atshiswayo elisekungeneni kwesibingelelo.
8 Wothi ke athathe onke amanqatha enyama yangaphakathi yale nkunzi,