8 Wothi ke athathe onke amanqatha enyama yangaphakathi yale nkunzi,
9 izintso namanqatha azo, kunye nomhlehlo,
10 kanye njengoko enzayo ngamanqatha edini lobudlelane. Loo manqatha uya kuwatshisa kwelaa qonga lamadini atshiswayo.
11 Kodwa sona isikhumba nayo yonke inyama, intloko namanqina, nezibilini kwakunye namathumbu, oko kukuthi yonke inyama enganikelwanga kuNdikhoyo,
12 uya kuyikhuphela ngaphandle kwelali, azise kulaa ndawo ikhethekileyo apho kulahlwa khona uthuthu, azitshisele apho ngomlilo weenkuni.
13 Xa kone ibandla lakwaSirayeli liphela, lize ke libe netyala lokwaphula ummiselo kaNdikhoyo lingaqondanga,
14 kuya kuthi nje ukuba sazeke eso sono, kufuneke umzi uze nethole lenkunzi yenkomo yedini lokungxengxeza. Loo nkomo iya kuqhutyelwa esibingelelweni,