4 Xa enze isono esilolo hlobo, kufuneka ayibuyise into ayibileyo, okanye ayifumene ngobuqhetseba, okanye abeyigcinisiwe nayicholeyo,
5 nantoni na leyo athe akayazi exoka kufuneka ayivuse, ongeze nomdliwo osisinye esihlanwini, kanye ngalaa mhla eze kunikela ngawo idini lesono.
6 Kufuneka ase kumbingeleli inkunzi yegusha nokuba yeyebhokhwe, kodwa ingabi nasiphako, ibe lidini lentlawulo alenze kuNdikhoyo. Ixabiso layo loba ngangomlinganiselo ovunyiweyo.
7 Elo dini umbingeleli wolinikela phambi koNdikhoyo, libe lelokungxengxezela isono saloo mntu, aze asixolelwe.”
8 *UNdikhoyo wathi uMosis
9 makagqithisele le miyalelo kuAron noonyana bakhe: Idini elitshiswayo kufuneka litshiswe eqongeni ubusuku bonke, umlilo usoloko ukhwezelwa.
10 Umbingeleli ethe wambu umnweba wakhe welinen nebhulukhwe yakhe emfutshane eyenziwe ngelinen, wolususa lonke olo thuthu luphezu kweqonga, aze alubeke apho ngasecaleni leqonga.