10 Umnikelo wokutya, nokuba uxutywe namafutha, nokuba womile, woba ngowababingeleli bebonke, yaye ke mabahlulelane ngako ngokulinganayo.
11 Nantsi inkqubo ephathelele kumadini obudlelane enzelwa *uNdikhoyo:
12 Xa umntu esenza idini lobudlelane ebulela, makeze naloo nto iza kuxhelwa kwakunye nesonka esingenagwele, nokuba sisonka esiqatywe amafutha omnquma, okanye amaqebengwana aqatywe amafutha omnquma, kungenjalo amaqebengwana enziwe ngomgubo oxutywe namafutha omnquma.
13 Kweli dini lobudlelane, elikwalidini lokubulela, kufuneka ongezelele ngezonka ezinegwele.
14 Makanikele ngodidi ngalunye kwezi zonka, azenze umnikelo kuNdikhoyo. Zoba zezombingeleli othe watshiza iqonga ngegazi lamadini obudlelane.
15 Inyama yedini lobudlelane kufuneka ityiwe kwangaloo mini inikelwa ngayo; makungabikho nyama isalayo kude kube ngengomso.
16 Xa umntu enikela idini lobudlelane, egcina isithembiso awasenzayo, okanye ethanda nje ukwenza umnikelo, leyo ke yona inyama akunyanzelekanga ukuba ityiwe iphele ngamini-nye, kodwa eseleyo ingátyiwa ngengomso.