2 Ixhoba lokwenza eli dini kufuneka lixhelelwe apho kuxhelelwa khona amadini atshiswayo. Igazi lalo malitshizwe kumacala onke eqonga.
3 Onke amanqatha makakhutshwe abekwe eqongeni: umsila, namanqatha enyama yangaphakathi,
4 izintso kunye namanqatha azo, kwakunye nomhlehlo.
5 Onke loo manqatha umbingeleli makawatshise enzele ngawo *uNdikhoyo umnikelo ngomlilo. Eli ke lidini lokwenza intlawulo.
6 Nayiphi na indoda ephuma kumlibo wababingeleli ingayitya loo nyama. Kodwa kufuneka ityelwe kulaa ndawo ikhethekileyo, kuba kwayona ikhethekile.
7 Inye inkqubo ephathelele kumadini esono nakumadini entlawulo. Loo nyama iba yeyombingeleli owenza idini.
8 Kwanalo ufele lwento yedini elitshiswayo luba lolwaloo mbingeleli wenza idini.