1 Ngomhla wesibhozo emva komsitho womiselo lwababingeleli uMosis wabiza uAron kunye noonyana bakhe, kwakunye namadoda amakhulu akwaSirayeli,
2 wathi kuAron: “Thatha inkunzana yenkomo kunye nenkunzi yegusha ezingenasiphako, wenzele ngazo *uNdikhoyo idini, inkunzi yenkomo ibe lidini lokucamagushela isono, ize eyegusha yona ibe lidini elitshiswayo.
3 Yitsho amaSirayeli eze nenkunzi yebhokhwe ibe lidini lokucamagusha, nethole elinonyaka, netakane elinonyaka, zingabi nasiphako, zona zibe ngamadini atshiswayo,
4 kwakunye nenkomo nenkunzi yegusha, zona zibe ngamadini obudlelane. Kufuneka kwenziwe amadini ngazo, kwakunye nokutya okuxutywe namafutha. Kufuneka niyenze le nto, kuba kaloku uNdikhoyo uza kunivelela namhlanje.”
5 Zeziswa zonke ezo zinto wayethe maziziswe uMosis ngaphambili *kwesibingelelo, laza lonke ibandla lakwaSirayeli lee thande apho phambi koNdikhoyo.
6 Wabhekisa ebantwini uMosis, wathi: “NguNdikhoyo lo uthe makwenziwe le nquleqhu yonke, khon' ukuze kutyhileke kuni ukubengezela kwesihomo sakhe.”
7 Wandula ke uMosis ukuthi kuAron: “Yiz' aph' eqongeni lamadini, wenze idini lokucamagushela isono, kunye nedini elitshiswayo, ngenxa yezono zakho kunye nezabantu. Le nto yenze ngokomyalelo kaNdikhoyo.”