12 UAron ubuye waxhela into yokuzenzela idini elitshiswayo. Beze negazi layo kuye oonyana bakhe, waza wafefa ngalo kumacala onke eqonga.
13 Bamnika intloko kunye nezinye iinyama, waza wazitshisa apho eqongeni.
14 Emva koko uthathe izibilini nemilenze, wazihlamba, waza wazitshisa apho eqongeni ngaphezu kwelaa dini litshiswayo.
15 Akugqiba unikele idini labantu. Uxhele laa bhokhwe yokucamagushela izono zesizwe, wayinikela njengoko enzile ngokuya ebenikela idini lezakhe izono.
16 Ubuye walisondeza ngokusesikweni kwanalo idini elitshiswayo.
17 Usondeze nomnikelo wokutya, wathatha kangangesandla kuwo, wawutshisa apho eqongeni. Yonke le nquleqhu yongeza kumadini atshiswa kusasa.
18 Waxhela inkomo nenkunzi yegusha, wenzela ngazo abantu amadini obudlelane. Oonyana bakhe bamzisela igazi, watshiza ngalo kumacala onke eqonga.