9 Oonyana bakhe bazisa igazi kuye, waza uAron wathi nkxu kulo umnwe, waza watyikila ngalo iimpondo ezikwiikona zone zeqonga. Eliseleyo waliphalaza emazantsi eqonga.
10 Amanqatha nezintso nomhlehlo wedini lesono wazitshisa apho eqongeni ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.
11 Kodwa yona inyama nofele wazitshisela ngaphandle kwelali.
12 UAron ubuye waxhela into yokuzenzela idini elitshiswayo. Beze negazi layo kuye oonyana bakhe, waza wafefa ngalo kumacala onke eqonga.
13 Bamnika intloko kunye nezinye iinyama, waza wazitshisa apho eqongeni.
14 Emva koko uthathe izibilini nemilenze, wazihlamba, waza wazitshisa apho eqongeni ngaphezu kwelaa dini litshiswayo.
15 Akugqiba unikele idini labantu. Uxhele laa bhokhwe yokucamagushela izono zesizwe, wayinikela njengoko enzile ngokuya ebenikela idini lezakhe izono.