2 Ezi ndaba uThixo wathembisa ngazo kwangaphambili *ngabashumayeli bakhe *eziBhalweni eziNgcwele.
3 Ezi ndaba ke zibhekiselele kuNyana wakhe, owazalwa engowomlibo kaDavide ngokobuntu,
4 waza ngamandla oMoya oyiNgcwele wabonakaliswa ngesiganeko sokuvuka kwabafileyo ukuba unguNyana kaThixo. Lo Nyana kaThixo nguYesu iNkosi yethu;
5 endathi ngaye ndenzelwa isisa sokuba ngumthunywa ngenxa yakhe, ukuze ndikhokelele izizwe zonke ekukholweni nasekumthobeleni;
6 eniphakathi kwazo nani, nina babiziweyo bakaYesu Krestu.
7 Kuni nonke, bathandwa bakaThixo abaseRoma, nina nibiziweyo naba ngabakaThixo, ndithi: Makube lubabalo noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.
8 Kuqala ke, ndiyambulela uThixo wam ngoYesu Krestu ngenxa yenu nonke, kuba ukholo lwenu ludumile kulo lonke ihlabathi.